LUYABUYA UGQATSO LWEZIGXADAVU KWAKHONA
DUTYWA- Luyabuya kwakhona ugqatso lwezigxadavu(Adventure race 4X4), lomositho nozokuqhubeka rhoqo ngonyaka uqale kulonyaka uphelileyo kwaye iziphumo zalomsitho bezincumisa nanjengoko ebesingathelwe eDutywa. Usuku lalonyaka likhutshiwe ngumhla we28 kweyoMsintsi 2024.
Lomsitho wenze usomashishini kunye nomququzeleli walomsitho uAphiwe Qina ukuba azitye amathambo’engqondo eqweba amaqhinga ukuba angenza njani ukuveza iqhinga elinokukhulisa uqoqosho laseMpuma Koloni. UQina uliqwebe eliqhinga ngokuqaphela ukuba iphondo laseMpuma Koloni linembali etyebileyo yezemveli engafane ivezwe.
Ukongeza uQina uthe, “siliqela lalomnyhadala siqonde ukuba masenze olugqatso lezokhenketho lezigxadavu zemoto(4X4) ukuze sibonise ubuhle bephondo lethu, siyibone iliqhinga elihle lento ukuze siqhayise ngephondo lethu,” utshilo.
Lomnyhadala ukhuthaza ukuveza imbali yezemveli kunye nokhenketho ephondweni.
Umququzeleli wolugqatso uQina ugxininisile ukuba bakhona abantu abanomdla KwaBhaca(Mount Frere) walomsitho, ukanti nosomashishini waseMonti uAndile Gxumisa kunye noMzi Ntlabathi nabo banomndla kulomsitho. “UGxumisa uzokusincedisa ukuba kulonyaka singawusingathelaphi lomsitho uzokuncedisa nasekuqwalaseleni i’route’ apho ugqatso lizokube ligudla kuyo,” utshilo uQina.
Umsitho wakulonyaka uphelileyo udlale indima enkulu nanjengoko kumanye amakhaya egxothe ikati eziko, kuyekwaqashwa abantu abangaphangeliyo ukuze bancedise. Abantu bangaphandle nabo bazifake zatshona izandla zabo ezimpokothweni bexhasa amashishini asakhasayo asekuhlaleni.
“Sikwaveze neqhinga lokwenza ukuba oosomashishini abasakhasayo baze ngaphambili bazokuqhayisa ngezinto abazithengisayo, sibanika iqonga ukuba bathengise ngexesha lalomsitho nabo bakhe bazityele itheko,” uthethe watsho uQina.
Umbono kaQina unqwenela ukuba lomsitho uhambe emajuku-jukwini ukanti utsale nabatyali-zimali ngokufaka isandla kulomsitho nasekukhuliseni uqoqosho.
Ukongeza uQina ungqinile ukuba kulonyaka baqweba ukuba lomsitho bawusingathele eHogsback, “Siqwenela kulonyaka ukuba lomsitho uthathe iintsuku ezimbini simema ngamandla amashishini abucala ukuba abeyinxalenye yalomsitho, iqhinga kukuba amashishini abucala sizokwakha igumbi lonxibelelwano apho amashishini azokufumana abathengi babo nqo. Amashishini abucala ayixhasa ngakumbi imisitho ekumila kanje, kodwa lonto ayithi ukuba urhulumente simkhabela ngaphandle. Naliphi na ishishini labucala siyalimema ukuba libeyinxalenye yalomsitho,” Qina.
Olugqatso lwezizigxadavu luthembisa ukuzisa ubumnandi kunye nophuhliso mbombozone apha epondweni, Ungaphoswa ngomhla we25 kuCanzibe xakuphehlelelwa ugqatso lwalomsitho eDutywa, kwindawo yolonwabo eKwarini Village.
Ngenckukacha ezithe vetshe malunga nalomsitho tsalela umnxeba: 073 077 5875
Somila Tiwani
22 Tshazimpuzi 2024