Ezasekuhlaleni

ABANGENABANI BAFUMENE UKRACAZA WENDLU

GATYANE- UsoDolophu womasipala wasekuhlaleni waseMbhashe uCeba Samkelo Janda ebambisene nesebe lezokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni bagqithise ngezindlu ezingama 119 kubaxhamli bazo kuGatyana ngomhla we22 kuTshazimpuzi 2024. Olunikezelo licangcatha kumaphulo aqhutywa ngurhulumente nanjengoko kubhiyozelwa inyanga yenkululeko.

Abanye abaxhamlileyo kwezizindlu yintwazana eneminyaka engamashumi amabini(20) uBongumusa Danise nohlala nabantwana bakokwabo ababini oyena omncinci uneminyaka elishumi(10), esisithathu besihlala kwisizalwane ukusukela koko kwasweleka abazali babo. Abazali babo basweleke ingekagqitywa leprojekthi.

UJanda ethetha ngexesha lonikezelo lalendlu, “Amakhaya aphantsi kwengqwalasela yabantwana akuluhlu labantu esibabeka phambili xasinikezela izindlu yiyo ke lonto siqonde ukuba namhlanje masenze umfuziselelo kwelikhaya”.

Ababantwana nanjengoko besafunxa imfundo usodolophu ubakhuthazile ukuba bangayeki esikolweni, ukanti usodolophu ugxininisile ukuba bengu masipala bazokhe baqwebe iqhinga ukuba bangaphinda basifakephi isandla kwelikhaya.

Ukongeza okaJanda uyibethelele ukuba ezizindlu bekulindeleke ukuba zigqitywe ngenyanga yoMnga 2024 kodwa baleqile ukuba zigqitywe kwangexesha belisebe kunye nomasipala.

“Enye into esincedileyo ukuba ezizindlu zigitywe ngokukhawuleza yintsebenziswano phakathi kwesebe, umasipala kunye nabahlali ndiyayibulela ke lontsebenziswano bahlali,” uthethe watsho okaJanda.

UMphathiswa wesebe lezokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni uSiphokazi Lusithi-Mani, ufake isandla se grocery kunye nefenitshala kulendlu yakwaDanise; ibhedi, isofa,ikhabhathi, itafile kunye nezinye izinto.

Lendlu inalo nentaki langaphandle lamanzi.

23 Tshazimpuzi 2024