KUYAXHALABISA UKUBHITYA KUKA-CHIPPA MPENGESI
EMONTI- Udale isankxwe nokubetha-bethana kwezimvo umfanekiso kasihlalo weqela lebhola ekhatywayo uSiviwe “Chippa” Mpengesi weChippa United.
Lo mfanekiso ubuthe tshitshilili kumakhasi ezonxibelelwano emveni kokuba bekukho izicwangciso zokuphuhlisa eliqela lebhola apha Kwiphondo leMpuma Koloni.
Indlela abhitye ngayo ishiye imibuzo emininzi ngempilo yakhe nangona yena ekhanda ngenqindi phantsi esithi akabikwa hlaba.
Lo kaMpengesi ubethe bhazalala kulamakhasi, kodwa umfanekiso wakhe uthathwe kwiqonga lezonxibelelwano(X Account) ngexesha okaMpengesi ekunye noMongameli weSAFA eMonti umnumzana uMxolisi “Prince” Sibam.
Lo kaMpengesi uthe akuva isankxwe waqonda ukuba makagqogqe abantu indlebe anwabulule inkungu emehlweni adakance zonke izizathu ezibangele ukuba aphulukane nobunzima bomzimba(Weight loss). Oko ukudandalazise wakubhenca ngexesha encokola noRobert Marawa kwinqkubo yakhe ekwisikhululo i-947.
OkaMpengesi uthi wasithatha esisigqibo sokwehlisa umzimba wakhe ngonyaka ka2023, emveni kokuzibona kwakhe kuMabonakude ukuba unombheka-phesheya wesisu kwaye ungumntu owaziwayo nosisibonelo kubantu abaninzi.
Uqhube wathi ngenye imini wayebukele uMabonakude, wee ntla ngomkhaba, uthi zange aphinde azithande sukela lo mini.
Emveni kokuzibhenca kwakhe waye wafikelela kwisigqibo sokuba azihlasele amafutsha ngezihlaseli-mafutha.
Kodwa awuqini ncam umnqwazi kubantu abaninzi, bambi besithi amagxa wakhe athetha into eyahlukileyo nale ayithethayo, berhana ukuba ikho lento imngcikivayo.
Ingaba yingulo kusini okanye nyhani uChippa uhlasela amafutha? Singenaphi thina kumzimba kaChippa.
Mzukisi Mangwane
23 Tshazimpuzi 2024
ReplyForwardAdd reaction |