ZINTLITHENE OKWEENKUNZI ZEGUSHA NGALENJIKA-LANGA
XHORHA- Kwilali yaseMjikweni eMqanduli nezinze kwingingqi yakuGadlela kude kufuphi nakuTogwana, kuntlithene iinqwelo-mafutha ezimbini ngemizuzu emihlanu phambi kokuba kubethe intsimbi yesihlanu(16h55) namhlanje umhla wama-23 kule kaTshazimpuzi 2024.
Yinqwelo-mafutha encinci yakwaAudi A4 eluhlobo lweSeden, ingquzulene nebhaki ebisuka kwicala elinesibhedlele saseMadwaleni. Le bhaki ibisingise kwidolophu yaseXhorha inomqhubi kuphela kuyo.
KwiAudi bekunomkhweli omnye ehamba nomqhubi, bobabini banzakele ngokumasikizi.
Ngexesha sifika kwindawo yexhwaleyo bonke abonzakeleyo kuquka nomqhubi webhaki baye bafumana uncedo olukhawulezileyo kwaye baleqiswe buphuthu-phuthu kwisibhedlele saseMadwaleni, asingeyifihli into ethi bonzakele ngokumandla.
Abazibonele ngamehlo bathi zombini ezinqwelo-mafutha bezihamba ngesantya esiphezulu. Kuyarhaneleka ukuba beziphepha imingxuma egcwele kula ndlela yaseMjikweni.
Sibanqwenelela impilo entle.
Mzukisi Mangwane
23 Tshazimpuzi 2024