Ulwaphulo-mthetho

USIZWE KUPELO AKANALO IQWAKU-QWAKU LE MATRIKI

BHISHO- Obesisithethi kwiSebe lezeMpilo kwiphondo leMpuma Koloniuthiwe nqaku libutho lokhetshe elizinze eMonti, elibutho lijongene ncakasana nobuqotha-qikili bobuntu uSizwe Kupelo(47) ngezityholo zobuqhophololo nomgunyathi.

OoKhetshe bafike bengabhungisanga xa kanye le ndedeba yakwaKhonjwayo iphunga ikofu nabaqebengwana namhlanje umhla wama-24 Tshazimpuzi 2024.

Ingxelo ithi, lo kaKupelo ngenyanga yoKwindla 2002 wafaka isicelo sengqesho kwi-ofisi yeNkulumbuso eBisho enqwenela ukubaligosa lezonxibelelwano. Ngenene saye saphumelela isicelo sakhe waqeshwa ngenyanga kaTshazimpuzi 2002.

Kwangawo loo nyaka kwinyanga yeNkanga wanyukela ngasentla egodle eliqwaku-qwaku lobuxoki elithe qhushe kwimvulophu emdaka wangena tsotsololo kwiSebe lezeMpilo ngengosekela-ngqonyela kwicandelo lezonxibelelwano.

Ngonyaka ka2020, iSebe lezeMpilo laye lwenza uphicotho lwezakhono kwakunye neziqinisekiso kubo bonke abasebenzi bela Sebe, kulapho kanye kwaye kwaqapheleka ukuba lo kaKupelo uphethe iqwaku-qwaku likazenzele, lelomgunyathi ukuqala phezulu ukuya ezantsi.

Akukho nesinye isikolo esingqininayo ukuba lo kaKupelo wakhe wanalo iqwaku-qwaku(Matric Certificate) esemthethweni, oko entsentsetha izikhuntyu zikarhulumente ngobuqophololo, ukuhana-hanisa ukuxoka nokuqinisa intloko eqinela enyaleni.

Le nyewe yathiwa thaca liSebe lezeMpilo koKhetshe ukuze bazenzele olwabo uphando. Namhlanje uye wathiwa xhiwu ngesixhanti, zananazela iidyasi, uye wavela kancinci kwiNkundla kaMantyi eZwelitsha, uye wafaka isicelo sengqawule nalapho inkundla iye yafuna isixa-mali esingamashumi amathathu amawaka(R30 000). 

Ukuzakuphinde avele kwakulenkundla yenqila ngomhla wamashumi amathathu(30 Tshazimpuzi 2024.

Intloko yephondo uMajor General Mboiki Obed Ngwenya uthe ziingwenya zonke ebezichophele oluphando.

Makufundwe ntozakuthi.

Mzukisi Mangwane

24 Tshazimpuzi 2024

ReplyForwardAdd reaction

credentials