Ezemfundo

KWAKHE KWANJE PHI NA BAFONDINI ? BEKUSINDWE NGOBETHOLE NAMHLANJE 

XHORHA- Bekuyimiqodi, ingumMbo nomXesibe, izidwesha nezidwangube zomzi waseXhorha zincame imisebenzi ngeliyokubhiyozela abantwana kumnyhadala wokunxitywa kwamaqhina(Tie Ceremony).

Ukutya bekudlal’ abantwana, amakhehle namakhehlekazi edlala ugqaphu ngeSoseyiji(Sausage), ootitshala neendwendwe betyibilika ebhotolweni.

INqununu yesikolo saseElliotdale Village JSS, uNoloyiso Mgwili ubequle waligangatha ngexesha etyumba izithethi zembeko zosuku.

UZenande Gwadiso oyintombi yaseNgqeleni nguye obewisa intetho kulomsitho nalapho ubegxile kwintsika ezisibhozo zobomi (8 Cordial Pillars of life) egqamise ukuzixabisa komntwana nendlela esulungekileyo yokuphila, le ntombi nephuma kumabonakude weBavu TV kunye neSeed FM ezinze eKapa ugalele kophuka neyokuvika.

Wayiqwela uGqirha Yongama Mrwetyana ngentshumayelo ezukileyo xa ebalisa indlela akhule ngayo, akaphelela nje apho waqhuba esithi kubantwana, indawo abasuka kuzo azinanto yakwenza nalapho baya khona, ngokuyicinga nje lonto bayifunayo izokwenzeka, kodwa esitsho ukuba nemiceli-mngeni izakubakhona.

Lo msitho ubukwelona zinga lakhe laphezulu, uzinyaswe nasisigqeba solawulo lwesikolo(SGB). Umfundisi uSiyabonga Goodman Npmandela watsho ngodlwabevu lo mthandazo, wayitsho iholo yagcwala ngomoya oyongcwele.

Usihlalo wesigqeba solawulo uSonwabo Mswelanto kunye Phindiwe Nomtha Simayi baqinisekise abantwana ukuba impumelelo isentabeni okwabo nje kukuzingisa basebenze nzima njengesicaka ukuze baphile njengeKumkani.

Lo msitho ubuqale ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa, waphela ngentsimbi yesibini, ububanjelwe kwiholo yesixeko sedolophu yaseXhorha.

Kuhle ukubona intyantyambo nentyantyambokazi zeenkokheli zangomso zonwabe ngalendlela. iXhorha neElliotdale Village Jss ngungqa-phambili, kwaye yintlaka nexolo.

Besilapho nathi silijelo leendaba iEastern Cape Daily News, siyitye sayosulela emnqwazini inyama. Huntshuuu!!!

Mzukisi Mangwane

25 Tshazimpuzi 2024