UBEYIMPUMELELO UMSITHO WEZAKHONO
NQWEBA- Nanjengoko umasipala eqweba amaqhinga okukhuthaza abafundi ukuba bahlale emasangweni esikolo ukwaqweba namaqhinga okwenza imfundo ibenomtsalane, emema abo bachaphazelekayo banolwazi oluphangeleleyo ukuba bafunxise abafundi umongo.
Kwiminyaka emibini edlulileyo umasipala wasekuhlaleni iSundays River Valley(SRVM) waqweba iqhinga lokuzisa umboniso wezakhono(Career Expo), ebambisene namasebe karhulumente ohlukeneyo, iziko iSAN Parks, isiseko iSundays River Citrus Company Foundation Trust. Lamaqhinga aye aphumezeka yiyo lonto lomasipala ebebhiyozela iminyaka emithathu womboniso wezakhono.
Ngabafundi abangapha kwamakhulu amathathu(300) ebebezimase lomboniso wezakhono, kwisikolo iHoerskool eNqweba, ngomhla we24 kule imiyo.
Kwiminyaka emibini edlulileyo lomsitho ukwazile ukunika umntsalane kwi exhibitors ukanti amanye amaziko azifake zatshona izandla ezimpokothweni exhasa lomboniso wezakhono.
Othethela umasipala iSRVM uZusiphe Jaji ugxininisile ukuba lomsitho ujolise kakhulu kulutsha bafuna ulutsha lijonge kwikamva eliqaqambileyo lungapheleli ekujongeni apho lukhoyo. “Injongo yethu kukubona ulutsha olunezakhono hayi nje imisebenzi,” utshilo uJaji.
UJaji uqhubeke wathi, “Sifuna ukugxotha ikati eziko ekuhlaleni ngeliphulo, sikwafuna nokwehlisa izinga lentswelangqesho”.
UMasipala ukwakhwebela nabanye abachaphazelekayo ukuba beze ngaphambili nanjengoko beqweba iqhinga lokufunqula lomsitho bawuse kubafundi bezikolo abenza ibanga lesixhenxe, kwalapha eNqweba.
USodolophu womasipala uCeba Solethu Lucas naye ebezixubile kulomboniso wezakhono ngalemini, “Imisitho ekumila kanje ibalulekile kwaye siyayidinga nanjengoko ifundisa kakhulu kubantu abatsha ikwancedisa nasekubavuleni ingqondo ukuze umfundi aqiniseke ngesakhono azokusilandela,” utshilo uCeba Lucas.
USodophu ugxininisile ukuba ngentsebenziswano yaminyaka-le yiyo eyenza lomsitho ukuba ubeyimpumelelo.
Abaxhasi abenze lomsitho ubeyimpumelelo ukukhankanya nje abambalwa; SRCC Foundation, SANPARKS, SRV Collaborative kunye neKirkwood Hoerskool.
UJaji ungqinile ukuba uzokubuya kwakhona ngamandla kulonyaka uzayo lomsitho, ukanti bakwanqwenela nezinye iExhibitors zibeyinxalenye yalomsitho kunyaka ozayo.
25 Tshazimpuzi 2024