UBENGUNOGADA NGOKU SISITHWALANDWE
XESI- Unogada ogada kwiDyunivesithi yaseFort Hare ubephakathi kwezithwalandwe eDikeni naye eyokuzixozel’ umphini wumbi eyokulanda isidanga sakhe seHonours.
UMnumzana Mpumelelo Pinini(52) noyinzalelwane yaseXesi uqale ukubangunogada kwaNokholeji ngonyaka ka-2010 egada okwexeshana, waqeshwa isigxina ngonyaka ka-2013 emveni kokuba isicelo sakhe saye saphumelela.
OkaPinini emveni kokuba waye waphumelela ibanga lakhe leshumi ngo-1989, yayiliphupha lakhe ukuthweswa isidanga.
“Ndithathe isigqibo sokulandela ikhwelo lemfundo enomsila ngonyaka ka-2017, ndineminyaka engamashumi amane anesihlanu(45). Bendiyazi ukuba lendlela ayizukubalula kodwa bendiyazi lento ndizifaka kuyo,” utyekeze watsho okaPinini.
Ngonyaka ka-2021 uPinini uthwese isidanga sakhe sokuqala iBachelor of Adminstration in Public Adminstration.
Ukongeza okaPinini uyinabise wathi indlela yakhe, “Ndiphangela eDikeni, iklasi yam ikwi khampasi yaseBhisho kwaye ndihlala eXesi. Bekufuneka ndenze iinzame ukuze ndifikelele kuzo zontathu ezindawo ndileqe iklasi kunye nasemsebenzini endlini bendifika sekulalwa”.
OkaPinini uhlala nenkosikazi yakhe kunye nabantwana bakhe abane.
Lona kaPinini uyifumene iDegree yakhe ngonyaka ka-2023.Ngosuku lokuthweswa isidanga uPinini ebekhatshwa ngunkosikazi wakhe, osisi bakhe abadala kunye nabanye abaxhasi bakhe.
“Andiyazi ukuba leDegree izokundibekaphi kodwa ndiqinisekile ukuba izokundisa kude, ngoku ndiyavuya kuba ndilifezekisile iphupha lam”, wongeze watsho uPinini.
25 Tshazimpuzi 2024