INKOKHELI YE-UDM AYIKUCHASANGA UKULAWULA IPHONDO LE MPUMA KOLONI
GQEBERHA- UNjengele Bantubonke Holomisa(68) oyinkokheli yombutho wezopolitiko ophikisayo i-United Democratic Movement(UDM) uthi, “Thuma mna Bawo ndikhokele iphondo leMpuma Koloni njengeNkulu Baphathiswa yeliphondo”.
Oku ukuthethe namhlanje umhla wama-27 ngexesha ezimase inkonzo yomthandazo eNew Brighton, eGqeberha. Lo kaHolomisa uthe uzakuzigqatsela isikhundla sobuNkulu Baphathiswa.
Nanjengoko uMzantsi Afrika ujongene nolonyulo lwesine, oko efumana uxinzelelo kwindlu yeeNkosi, imibutho eyahlukeneyo yokuhlala, iinkolo ezahlukeneyo, kuquka nabantu abathile bemcenga ngelithi makangenelele ugqatso lobuNkulu Baphathiswa yephondo.
Ukuba iqela lezopolitiko i-UDM yenze kakuhle ngomhla wama-29 kwinyanga kaCanzibe 2024, kuzakunyanzeleka i-UDM ixoze mphini-wumbi ibonisane neKomishoni ejongene nolonyulo i-IEC ukuze kwenziwe utshintsho lwabagqatswa emveni kolonyulo.
Uye wathembisa ukuba uzakukhankasa ekhankasela eliqela kuwo onke amaphondo, kodwa iphondo leMpuma Koloni lelona azofaka amandla wakhe kulo.
Isibhilivana esibhalwe ngusekela Mongameli weqela le-UDM uNqabayomzi Kwankwa uthe, “Ukuba olutshintsho lubeyimpumelelo mna ndinguNqabayomzi Kwankwa ndawungena kwizihlangu zikaNjengele ndixhuzule imikhala ngokwam, abe yena uHolomisa encedisana nephondo leMpuma Koloni”.
Mzukisi Mangwane
27 Tshazimpuzi 2024