Ezemfundo

UMBUTHO OJONGENE NEZEMFUNDO UQWEBA AMAQHINGA OKUNCEDISA IZITHWALANDWE EZINGAPHANGELIYO

CUMAKALA- Umbutho ojongene nezemfundo oxhasa ezemfundo nobizwa ngokuba yiNdakana Educational Support Initiative(NESI) waseCumakala ebambisene nenkampani iMthengenya & Associates lemibutho izama ngako konke okusemandleni ekuncediseni izithwalandwe ezifundele ubutitshala ezingaphangeliyo zaseNdakana, eCumakala. Nanjengoko lombutho wasekwa kwiminyaka esixhenxe edlulileyo ugqushalaza ngamandla ekulweni intswela-ngqesho yezithwalandwe eizngotitshala ezingaphangeliyo.

“Ekugqushalazeni kwethu nokulwa lenyewe yezizithwalandwe zingaphangeliyo sizamile ukufumana ii-’internships’ ezine kwezizikolo zilandelayo zaseNdakana; isikolo samabanga aphakamileyo iMasimanyane, izikolo zamabanga aphantsi; Thanduxolo, Masiphumle kunye naseNyameko,” utshilo umququzeleli walombutho uLindile Yiwani.

Abo bafumene ezizithuba bavuye ngokungazenzisiyo, kwaye bamkelwe ngezandla ezishushu kwezizikolo.

Esisine sixhamlileyo sityunjwe kwizicelo ebezilikhulu ezazikhutshiwe kwiphondo jikelele.

“SiyiNESI kunye neMthengenya & Assosiates  siyavuyisana nabo ngokungazenzisiyo, kwaye sibaqwenelela okuhle konke koluhamabo,” utshilo uYiwani.

Abaxhamlileyo kwezizithuba nguAsanda Tshayana nobekwe kwisikolo samabanga aphakamileyo iMasimanyane, u-Unathi Nkasayi ubekwe kwisikolo samabanga aphantsi iThanduxolo, uAsiphe Peter utyalwe kwisikolo samabanga aphantsi iMasiphumle uYamkela Gwaxa naye khange akhe phantsi isitya sigcwele uzifumenele esisithuba waze watyalwa kwisikolo samabanga aphantsi iNonyameko.

Ezizithuba zizokuthatha ixesha elingange nyanga ezilishumi elinesibhozo(18).

Umbutho iNESI uyathemba ukuba ababafundisi-ntsapho bango kracaza bazokwenza nanjengoko besithanda isakhono sabo, kwaye bazise utshitsho olungum’mngaliso kubafundi baseNdakana.

Ukongeza ilungu lesigqeba kumbutho iNESI uZamikhaya Xalisa uthe, “Siyazingca ngokusebenzisana neMthengenya & Associates ekuzameni ukwenza utshintsho ekuxhaseni izithwalandwe zabafundisi-ntsapho ezingaphangeliyo”.

Umbutho iNESI uzokuba netheko lesibhozo elibanjwaminyaka-le ngomhla we-03 kuCanzibe kwisikolo samabanga aphantsi iNonyameko eCumakala.

Ukanti iindwendwe ekulindeleke ukuba zizimase elitheko ukukhankanya nje ezimbalwa, nguMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade, uSodolophu womasipala wasekuhlaleni iAmahlathi uNomakhosazana Nongqayi, ingqonyela yenkampani iMthengenya & Associates uGeorge Tsibani kunye nomseki wesiseko iMaduna Nkabinde uPhathiwe Ndleleni.

29 Tshazimpuzi 2024