Iindaba

BASATHE XHA NOGWAYIMBO LABO ABAQHUBI BEZITHUTHI ZIKA WONKE-WONKEE

PHONDWENI- Iingxoxo ebitshisa ibunzi kwintlanganiso ebiqhuba ngalentlwa siphuma kuyo phakathi kwemibutho yeenkokheli zono’Taxi’, iSebe lezeMfundo kunye neSebe lezoThutho kwiphondo leMpuma Koloni ziphume nesindululo esixolisayo.

Luzakuthi xha ugwayimbo obekulindeleke luqhubeke namhlanje umhla wesithathu kule kaCanzibe 2024.

Oku kuza emveni kokuba bonke abo bachaphazelekayo bebedibene ngeentloko baphuma nesindululo esithi makunqunyanywe kancinci noqhankqalazo ukuze kulindwe umhla we-10 kaCanzibe apho kuye kwenziwa isibhambathiso sokubhatalwa kwabo.

NgoLwesihlanu umhla weshumi bonke abachaphezelekayo bazakubhatalwa litshilo iSebe.

Ithi lonto namhlanje izinto zibiyela esiqhelweni.

Ngomhla wesiThandathu kwalapha kwinyanga kaCanzibe kuzakubanjwa intlanganiso kushukuxwe imiba ethile neshiyeke ilenga-lenga, enye intlanganiso izakulandela emveni kwalamhla weshumi nalapho bafuna ukuqonda ukuba wonke umntu ubhatalekile.

Mzukisi Mangwane

03 Canzibe 2024