Ezemfundo

IDYUNIVESITHI KA XHAMELA IZOKUSINGATHA UTHWASO-ZIDANGA

WSU- Zizithwalandwe ezingama 5 043 nekulindeleke ukuba zithwase izidanga kwiDyunivesithi yaseWalter Sisulu(WSU), ukanti abo baphinde baqhubeka bezingela ezinye izidanga bangama 354. Uthwaso zidanga lokuqala luzokuba kwikhampasi yaseMthatha ngomhla wesithandathu kuCanzibe, lulandelwe yimibhiyozo kwikhampasi yaseGcuwa ngomhla wesibhozo kwakule imiyo. Ukanti abo bafunda kwikhampasi yaseKomani bazokubhiyoza ngomhla weshumi kuqwelwe ngekhampasi yaseBuffalo City ngomhla we-13 kuCanzibe.

Omnye wabafundi ozokuthwesa isidanga nguLindelani Mzize(26), waseBizana nobengumqhubi wee-teksi emveni kokuba waphulukana nomama wakhe, ebulawa phambi kobuso bakhe eneminyaka elishumi elinesine(14). Nanjengoko ebejongene nemiceli-mngeni eminintsi kuquka ukungabinamali kunye noxinzelelo lwengqondo elityendana kulindeleke ukuba lithwese isidanga seBarchelor of Medicine.

IDyunivesithi yakwaXhamela iyazingca ngezizithwalandwe nekulindeleke ukuba zinqumle iqonga ngezintsuku zikhankanyiweyo, “Lento ibonisa lubala ukuba abafundi bethu bazijule ujacu ezifundweni zabo kwaye siyavuyisana nabo,” othethelela iDyunivesithi uYonela Tukwayo uthethe watsho.

Ledyunivesithi ikwanqwenela ukugqithisa amazwi ovelwano kwezontsapho zabo baye bagutyungelwa lilifu elimnyama emveni kokuba abo bathile baye banebela uqaqa.

Ukongeza leDyunivesithi iqinisekisile ukuba ngexesha lothweso zidang imithetho engqingwa izokulandelwa, kuqinisekiswa ukuba ngexesha lalemibhiyozo konwaba wonke umntu ngendlela ekhuselekileyo.

06 Canzibe 2024