Iindaba

LUYAQHUBA UQHANKQALAZO EMACLEAR

MACLEAR- Kwidolophana encinci yaseMaclear kwiphondo leMpuma Koloni, kuMasipala wesithili saseJoe Gqabi kugos’ okwaphukayo ngenxa kadutsu-dutsu nombhodamo kaqulukubhode obangelwa ngabaqhankqalazi.

Indlela ivalwe ngamatayara avuthayo, amatye amakhulu kwaye abahlali bacula amagwijo phakathi endleleni ngelivalela zonke iinqwelo-mafutha zingakwazi ukuhamba kula ndawo.Amagosa wezendlela, abakwantsasana kunye nonogada babucala babila besoma ngelizama ukudala ucwangco kuloo nginginya yabantu.

ISebe lezoThutho ephondweni leMpuma Koloni ngosiba lukaUnathi Binqose osisithethi kwelaSebe bayacela, bayadomboza beleleza kamaqhubi ukuba baxoze mphini-wumbi ngokuthi bakhangele ezinye iindlela kungenjalo banyamezele ukulibaziseka.

Mzukisi Mangwane

10 Canzibe 2024