Iindaba

OKWANGOKU BASIBHOZO ABONZAKELEYO

NGCOBO- Namhlanje umhla weshumi kuCanzibe 2024, kumbindi wedolophu yaseNgcobo kudilike isakhiwo sevenkile konzakala abantu abasibhozo(8).

Esisiganeko senzeke kwindawo yakwaJudy.

Sithetha nje ngalomzuzu amapolisa namagosa wezokhuseleko amanxada-nxada evumbulula apho ukujonga ukuba abekho na abanye abantu abangcwabeke kulendawo ngephanyazo.

USodolophu waseNgcobo kuMasipala wasekuhlaleni i-Dr AB Xuma, uSiyabulela Zangqa sele ekwindawo yexhwayelo ngalomzuzu.

Okwangoku bekungekavakali ukuba bakhona na abantu ababhubhileyo, kodwa bonke abonzakeleyo baleqiswe kwisibhedlele esikufutshane.

Unobangela wesisiganeko usaphandwa.

Mzukisi Mangwane

10 Canzibe 2024