Ezemfundo

I-DOMESTOS IZISA UPHUHLISO LWEZOCOCEKO KWIZIKOLO ZEPHONDO 

QONCE- Besingundaba-mlonyeni isikolo samabanga aphantsi iKusile kwilali yaseNkqantosi, eQonce ngomhla wethoba kule imiyo. Oku kuza emveni kokuba esisikolo sindwendwelwe yinkampani yakwaDometos ukuya kugutyula ilindle kwesi sikolo.

Esi sikolo besibambe inkqubo yococeko ezikolweni nebikhokelwe nguMandisa Mavuso ophuma kwaDometos noSiyolisi Shinga wakwa Baby Soft.

Lo msitho nobuxhaswe ngamacandelo ezempilo kunye nesebe lezemfundo, ubuyinxalenye yenkqubo ye’Cleaner Toilets Brighter Future'(CTBF).

Injongo yalenkqubo yeCTBF kukuqinisekisa ukuba iindawo zokufundela zihlala zicocekile.

I-CTBF ikwenza oku ngokuthi ibonelele ngoqeqesho ezikolweni kwabo bajongene nococeko lweendawo zokufundela, ibabonelele ngezixhobo zokucoca kunye nenkxaso ukuqinisekisa ukuba abantwana bezikolo zamabanga aphantsi bafundela kwindawo ekhuselekileyo necocekileyo.

Elinyathelo ligxile ngakumbi kumaziko ezemfundo ajongene nemingeni yempilo nococeko, inkampani yakwaDometos neyaziwa ngeemveliso zayo ezinamandla zokubulala iintshologwane, inkqenkqeza phambili kweli phulo ukuqinisekisa ucoceko nokhuseleko kwizikolo zephondo leMpuma Koloni.

UNtsikelelo Ntwanambi oyintloko kwezemfundo nokwayingcali kucwangciso lweziseko zophuhliso kwisebe lezemfundo esisiseko kwiphondo leMpuma Koloni uvakalise inkxaso yakhe kule nkqubo. 

“Sinezikolo ezingamakhulu amathathu eziphuma kwizithili zemfundo ezintandathu ezithatha inxaxheba kweli phulo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuzinza kwale nkqubo.

Kufuneka siyikhulise futhi siyikhuthaze lentsebenziswano ukuze sikwazi ukukhula siqhubekele phambili,” uvakele esitsho lo kaNtwanambi.

UMandisa Mavuso wakwa Dometos wabelane ngamava wakhe okusebenza nezikolo, “Siye sadibana nezikolo ukuze sicebise ngale nkqubo yokuqinisekisa ucoceko ezikolweni, siye sazinika ke izikolo ithuba lokuthatha isigqibo nanjengoko isithi ukuze iphumelele lenkqubo kubekhona ukuzibophelela,” ucacise watsho uMandisa.

Ilungu lesigqeba seSGB kwisikolo samabanga aphantsi iKusile uNomzi Dulazi, uvakalise umbulelo ngale nkqubo. “Siyabulela kakhulu kwi-Dometos ngale nkqubo, siyakuhlala sikhona apha esikolweni kwaye siya kuqinisekisa ukuba izixhobo esiziphiwe yiDometos zikhuselekile kunjalo nje, sizakuqinisekisa ukuba ucoceko lwezindlu zangasese likumgangatho ophezulu,”utshilo.

Ukongeza uPatrick Bukasa ongumphathi wentengiso kwiFamily Care eKimberlyclark, apho izinto zakwa Baby soft zenziwa khona ebekwabo bazimase lo msitho. 

“Kukho ingxaki yogutyulo lwelindle kwizikolo zikarhulumente zoMzantsi Afrika apho uninzi lungenazo iindawo zokugutyula ezisemgangathweni. Lo ngunyaka wethu wokuqala sisebenzisana neDometos, kwaye siyaqala nokusebenzisana nezikolo. Siyijonge ngamehlo abomvu ke intsebenziswano nanjengoko le nkqubo sele ichaphazele abafundi abangaphezulu kwe-1000,” utshilo uPatrick.

Lo msitho uphawule inyathelo elibaluleke kakhulu ekuphuculeni ucoceko ezikolweni, ubungqina bamandla entsebenziswano kunye nokuzibophelela kwinjongo enye.

Eneneni, nanjengoko intetho isitsho, “Ukucoceka kusondele kuThixo”. Ezinzame nemigudu zilungenelelo lobuThixo kwezo zikolo zibandakanyekayo.

Abakwa Domestos bachithe isixa-semali esingange zigidi ezine kulenkqubo kwizikolo ezingama-khulu amathathu ephindweni.

Viwe Kambule & Ncebakazi Sithako

13 Canzibe 2024

ReplyForwardAdd reaction