AKUSEKHO KONWABA
MONTI- Lichitheka mhla nezolo igazi labantu ezindleleni. Kusweleke abantu abane(4) kwangxwelerheka abantu abasibhozo(8) kwiingozi ezahlukeneyo apha kwiphondo leMpuma Koloni izolo umhla weshumi elinesithathu.
Ingozi yokuqala ngamadoda amabini(2) anabele uqaqaqa emveni kwentlavubela yentlekele ngexesha kuntlithana okweenkunzi zegusha iiLori ezimbini kuhola wendlela uR72 kufuphi naseTsholomnqa ngaphandle kwedolophu yaseMonti.
Bobabini abaqhubi beziLori bayiyeke yacima kwindawo yexhwaleyo, kodwa bona abakhweli baye bafumana imigruzuko engephi.
Ngokuhlwa kwayizolo kwisithuba sentsimbi yesixhenxe, kuphinde kwenzeka enye ingozi kuhola wendlela uR61 ophakathi kwaseNxuba neTakarstad kwabhubha abantu ababini(2) emveni kokuba ibhaki iphulukene nolawulo xa ibizama ukudlula.
Le bhaki ibikhwelise abantu abasixhenxe abangamadoda besiya kwicala laseNxuba ngexesha leshwangusha.
Isibini(2) ebesikhwele ngasemva siyikhabe ngaloo mzuzu ibhekile, uninzi lwabo lwafumana imigruzuko kuquka nomqhubi.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwingozi eyenzeke kuR72 nangona abaqhubi bonke besingisiwe kwantsonganyawana. Kwicala laseNxuba kusaqhuba uphando.
UMpathiswa weSebe lezoThutho ephondweni leMpuma Koloni uXolile Nqatha udlulise amazwi wovelwano kwiintsapho ezichaphazelekileyo.
Mzukisi Mangwane
14 Canzibe 2024
ReplyForwardAdd reaction |