BEKUBANJWE IMBIZO YAMADODA ALALA NAMANYE AMADODA
EMONTI- Umbutho wezempilo ojongene nempilo yasekuhlaleni iBeyond Zero kwezinye iinkqubo azenzayo lombutho ebeqaphele, ebephonononga amabali wamadoda alala namanye amadoda. Oku kuza emveni kokuba lisanda mihla-le inani lamadoda alalanayo.
Ngomhla wesibini uyokutsho kumhla wesithathu kule imiyo umbutho iBeyond Zero ubusingathe imbizo yokuphonononga iinkqubo zamadoda abelana ngesondo namanye amadoda, lembizo ibisingathelwe kwiziko lengqungquthela zamazwe-ngamazwe eMonti.
Ophuma kwi ofisi yaseBeyond Zero kwicandelo lezokuphonononga uGugulethu Nkabinde, ugxininisile ukuba unobangela wale mbizo kukuqwalasela kunye nokuphonononga amabali wamadoda alala namanye amadoda.
“Singulombutho siye sakhangela amaqhinga ukuba singangenelela njani kwaye sixhasa abo baxhamlayo kuthi, sifumanise ukuba bakhona abo sizokulihamba oluhambo nabo kwaye sizakubaxhasa kulenkqubo,” utshilo uNkabinde.
Lembizo ibigxile ngamandla ekuqwalaseleni amabali ajongene noluntu ekuhlaleni kunye nelungu ngalinye lasekuhlaleni.
Umbutho iBeyond Zero uzijula ijacu ezama ngako konke okusemandleni ekuzinyanzeleni kumabali aqhubeka ekuhlaleni, kwaye lombutho ukwala nasekuphumeleleni injongo yombutho.
14 Canzibe 2024