Iindaba

IKHOMISHONI IJONGE KABUKHALI AMAXABISO OKUTYA

IKHOMISHONI- IKhomishoni yoKhuphiswano yaseMzantsi Afrika kule veki iphelileyo idakance ingxelo yamaxabiso okutya okungundoqo wekota.

 Kwingxelo ekhutshwe yilekhomishoni idakanca kwaye ibonisa lubala ukuba abathengi babhenele njani ekuthengeni intlanzi esenkonxeni, endaweni yenyama ebomvu okanye inyama yenkukhu kuba bekhangela izakhamzimba ze‘proteins’.

Lengxelo idandalazisa ukuba ukuzokuthi ga ngoku ingaba abathengi bayichitha njani imali yabo ekuthengeni ukutya.

Lekhomishoni oko yayithe-ntsho amehlo ekutyeni okungundoqo ukusukela ngexesha likagongqongqo wesifo seCovid-19 ngenyanga yoKwindla 2020.

Othethela leKhomishoni uSiyabulela Makunga uthe, “Kwikota yokuqala apha kunyaka ka2024 sijonge ukutya okuxatyisiweyo ngabathengi okufana namafutha wokupheka(Sunflower oil), isonka esibrown, amaqatha enkukhu kunye nomgubo. Ngokokuqaphela kwethu sifumanise ukuba abathengi bayithenga ngamandla intlanzi esenkonxeni kuba bekhangela izakhamzimba ze ‘proteins’.  Lonto ikwaveze lubala ukuba abathengi bayabethakala empokothweni ukanti bathwaxeka ngamandla ngamaxabiso okutya axhumileyo,” Makunga.

UMakunga ungqinile ukuba ukutya okusekonxeni okufana nentlanzi kuthengwa kakhulu kuba abantu bakhangela izakhamzimba ze ‘proteins’, nanjengoko inyama ebomvu kunye nenyama yehagu yonyukile.

Nanjengoko inyama yenkukhu ithandwa kakhulu eMzantsi Afrika kodwa izinga lentlanzi esenkonxeni lonyuke kakhulu. Inkampani iOceans neyenza intlanzi esenkonxeni yakwa Lucky Star ingqinile ukuba izinga lokuthengwa kwentlanzi yabo lonyuke kakhulu.

Ukuzokuthi ga ngoku ixabiso lentlanzi esenkonxeni alikonyuki lisafikeleleka.

Ukongeza kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo ixabiso lamaqanda ukanti nalo belikhe laxhuma, oku kuza emveni kokuba kwayekwaqhambuka isifo se-flu kwiphondo leNtshona Koloni ngonyaka ka-2023, ngoTshazimpuzi.  Lekhomishoni igxininisile ukuba ixabiso lamaqanda alinokubasehla ngoku, kodwa abo bakrobeleyo ukuba hayi khona amaxabiso ayangxola, bangaxelela lekomishoni.

Lekhomishoni izama ngako konke okusemandleni ekudlaleni indima ekuqinisekiseni ukuba iqaphela amaxabiso angabisisibaxo esigqhithisileyo.

14 Canzibe 2024