YINKUNYEVU NENKUNTSELA YESELA LEMPUNDU ETHE YAGWETYWA NAMHLANJE
MTHATHA- Ayikhange inyube nenye kwezinyubisayo inkundla yengingqi eMthatha, imgwebe izigwebo zobomi ezimbini wathi gca izisini ezimdaka ongumdlwenguli netutu lempundu.
Ayiphelelanga nje apho, iye yaphinda yamthi nka ngeminyanga engama-20 emveni kweziganeko ezahlukeneyo sokuzithathela kwimpahla yangaphantsi kwintombi yakhe kwakunye nomtshana wakhe.
Le ndoda eneminyaka engama-41, kuye kwanyanzeleka linkonywe igama layo ngelikhusela amaxhoba kunye nosisi wentombi yakhe.
Lamatyala neziziganeko zenzeke ngamatyeli awohlukeneyo kwaye zenzeke amatyeli ngamatyeli.
Ngonyaka ka-2020, intombi yelitutu lempundu kunye nomtshana babetyelele elisela kwindlu yalo. Kwathi ebusuku abantwana belele, yabe intokazi yalenqeberhu ikobentlombe emveni kokuba yayizintyintye ngamandla ngobhelu lomsele. Eligqubutsha lithe lakubona ukuba intokazi yalo itiphile, lanyoshoza lichwechwela abantwana, emveni kolo labavusa lisithi mabaphulule amalungu walo wangasese amdaka. Emveni kweentsuku ezimbalwa wabadlwengula, emveni koko waxelela umtshana lo wakhe ukuba angakhe alinge alithi vuu! elinyanga kungenjalo uyakulutshabalalisa ngephanyazo lonke usapho lwakhe.
Intombi yakhe ithe yakuphumelela ibanga leshumi, yayakufunda kwiziko lezeMfundo eliphakamileyo, yaxelela unina konke okwenzekayo. Baye balishiya ikhaya bobabini bayakuzifihla kwenye indawo nalapho baye bafumana ithuba lokuchwechwela amapolisa beyokuchaza le nyewe.
Oko ke esisixhiliphothi sesidlwengu sitsala umnxeba sizama ukuqonda ukuba iphi intokazi yaso kunye nomntwana, kwaye singayekanga ukucenga umntu waso ukuba akhumbule ekhaya.
Ivumile intokazi ukubuyela ekhaya. Ithe xa ibuyela ekhaya yafika sele ihamba negquba lamapolisa, waye wanqakulwa ngesixhanti wagityiselwa ngasemva kwiqegu lamapolisa. Nalo ngqawule wayeyifuna wayalelwa kwiinkundla zamatyala.
Ngexesha letyala, ubexoka esithi liyelenqe nje eli alenzelwe ngulomntwana wakhe kuba wase wamfumana ehleli nenkwenkwe.
UMantyi ogama linguShylock Ndengezi ulibone ngengexoki elingenasizi elimene-mene lebhedegu, esitsho ukuba licingela nje esalo isiqu kuphela. Inkundla kunye nomtshutshisi welityala uFumanekile Kandile kuvunyelwene ngamxhelomnye ukuba lo adontse ubomi bakhe bonke eqamele ngenqindi kwezimnyama.
Owongamele igunya-bantu lezoTshutshiso kwiphondo leMpuma Koloni uBarry Madolo uqhwabele izandla abatshutshisi kunye nabachuphi belityala.
Ingxelo ikhutshwe sisithethi segunya-bantu lezoTshutshiso kwiphondo leMpuma Koloni uLuxolo Tyali.
Mzukisi Mangwane
14 Canzibe 2024
ReplyForwardAdd reaction |