UYAPHASALAKA UMTSHATO KA-NANDIPHA MLOMBI
Owaziwa ngelika “Queen Nandi”, uNandipha Mlombi okwangumfundisikazi kwibandla lamaWesile iMethodist Church uphulukana nomtshato wakhe ngenxa yokungakwazi ukuziphatha.
Lo mfundisikazi ungundaba-mlonyeni, oko kwanyakenye igama lakhe lithe tshitshilili kumakhasi wezonxibelelwano emveni kwengxwaba-ngxwaba nengxushu-ngxushu eyaphuma kumalungu webandla etyholwa ngokuya ngamandla kubhelu lo msele kwaye eselela kwisakhiwo seCawa.
Zine iinyanga nesiqingatha uNandipha nowakwakhe umfundisi uMawuzole Mlombi bengasalali ngengubo enye.
UNandipha encokola neDRUM Magazine uthe, “Ndikruquke!”, Ndidikwe kukungayazi ukuba izifihle phi le ndoda, abantwana bam beza kuqala kwaye ndikhokelisa bona kwinto yonke. Mhle uThixo kuba ngoku ndikwenye inkqubo kuMabonakude”.
Uqhube wathi, “Umendo wam awupheliswa yinto endiyenzileyo okanye endingayenzanga, ndibengumfazi onembeko kwade kwasekupheleni”. Ndiyaligxeka kakhulu ibandla endiphuma kulo, kwaye nokungaphangeli kwendoda kuyenza ibenguthonqo wesihupepe”.
Ibandla liye layalela u”Queen Nandi” ukuba akhethe phakathi komtshato wakhe kunye neCawe, uye wakhetha iCawe, kwaye uthe yena akazokhupha myeni wakhe enkonzweni kuba wayefike esenkonzweni.
Umyeni wakhe akafunanga ukuphefumla ngalenyewe, uyibeke yacaca eyokuba yena akathethi ngezinto ezingqamane naye kunye nosapho lwakhe.
UNandipha wanikwa uphum’ aphele kwindlu yebandla, into eyayingumbono ombi kuba nabantwana ngexesha kufina oonothimba babekhona kwaye kwakungacengwa mntu.
Mzukisi Mangwane
15 Canzibe 2024