ABALOBI BASE SAJONISI BATHIWE JIZE NGEZIXHOBO ZOKULOBA
SAJONISI- UMphathiswa wesebe lezamaphandle, uguquko kwezolimo kunye nohlaziyo lomhlaba eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters unikezele ngezixhobo zokuloba kubalobi abasakhasayo eSajonisi.
UMphathiswa unikezele ngezizixhobo ngomhla weshumi elinesihlanu kule imiyo kwilali yaseMadakeni, eSajonisi uPieters uthembise ababalobi ukuba uzokubancedisa ekutyikityeni izivumelwano zokuloba.
“Ezi zizixhobo zenu eziphuma kurhulumente sikhangela nasezicithini amaqhinga okuncedisana nani,” utshilo okaPieters.
Ukongeza uMphathiswa ugxininisile ukuba belisebe babeke bucala isixa-semali esingange zigidi ezintlanu zerandi ekuncediseni abalobi kumasipala wesithili waseOR Tambo kunye noMasipala wesithi waseAlfred Nzo.
“Abo banencwadi zokuloba ephondweni nabo bazokufumana inkxaso evela kurhulumente, ndithetha ngabo bakumasipala wesithili iAmathole kunye neSarah Baartman,” wongeze watsho uMphathiswa.
Abalobi abanempepha zokuloba ephondweni bangamashumi anesixhenxe anesibini(72), yiyo lonto urhulumente enyakathisa ezama ngako konke okusemandleni ekungeneleleni ebancedisa.
Ukongeza uPieters ubongoza abalobi ukuba banyakathise nabantu abatsha apha ekulobeni.
Omnye wabaxhamli uNombini Hughes ubulele ngokungazenzisiyo kuMphathiswa, “Ezizixhobo ziyandikhuthaza ukuba ndingalahli themba kwishishini lam. Andiphangeli kwaye ndixhomekeke kwelishishini lokuloba lilo eligxotha ikati eziko,” utshilo.
16 Canzibe 2024