INTETHO YOBUME BOMASIPALA WASE UMZIMVUBU 2024
EMAXESIBENI- USodolophu woMasipala waasekuhlaleni Umzimvubu ohloniphekileyo uCeba Zukiswa Ndevu wethule intetho yobume boMasipala ngomhla we-15 kule imiyo, uSodolophu ebeyiwisa lentetho kwilali yaseMbumbazi, EmaXesibeni.
Kwintetho yakhe uCeba uNdevu ugxininisile ukuba bengumasipala batyale isixa-semali esingange zigidi ezilishumi elinesihlanu serandi kwicandelo lezombane, “iindawo ezizokuxhamla kolungenelelo lombane yindawo yaseSogoni, eShayamoya, Ntlangano, eSilindini kunye naseMaduna-Majojweni,” utshilo uSodolophu.
USodolophu ugxininisile, “Sizama ngako konke okusemandleni ukuba iindawo zethu kwaye umzi-nomzi zibenombane, olutyalo-mali lizokudlala eyona ndima inkulu ekunkinisheni lombane”.
Umasipala enye yeprojekthi azinonopheleyo yiprojekthi yokwakha indawo zemidlalo, umasipala uzinikele kwibala lezemidlalo iPhepheni. Elibala linendawo ezinintsi zokudlala imidlalo eyahlukeneyo.
USodolophu uzichaphazele iindlela zomasipala, “Sibekele bucala isixa-semali esingange R41 850 000.00 sinendlela ezingamashumi amabini anesithathu(23) esizijongileyo singumasipala kwaye ezindlela zingundoqo kwiiwadi zomasipala, kungoko sibeke lemali,” utshilo.
UCeba uNdevu ugxininisile ukuba bazokuzityanda igila bengumasipala besebenza ubusuku-nemini belungisa zonke ezindlela.
Kwintetho yakhe uSodolophu uzichaphazele iindlela ebezikhe zachatshazelwa zintlekele, indlela yaseGxaku, indlela yaseNgqumane, indlela yaseLubhacweni, ibhulorho iTyinirha kunye nebhulorho iMqhokweni.
USodolophu ugxininisile ukuba bazibeke iliso elibukhali ezindlela kwaye zibalulekile kumasipala.
Umasipala wase Umzimvubu kunyaka-mali ka-2023/24 uzibophelele ekuchitheni isixa-semali esingange zigidi ezilishumi elinesithathu(R13 mil.) ekwakheni amaholo amahlanu asekuhlaleni.
“Amaholo abululekile kakhulu, kaloku amatheko, imitshato kunye neentlanganiso zasekuhlaleni zibanjelwa emaholweni asekuhlaleni yiyo lonto sichithe esisixa salemali,” Ceba Ndevu.
Ukongeza uSodolophu uphawulile ukuba bengu masipala bazokuchitha isixa-semali esingange R173 180 000.00 kwii projekthi ezisibhozo zokwakha izindlu.
Lomasipala ubeke bucala isixa-semali esingange zigidi ezimbini zerandi(R2 mil.) azokusichitha kumbane welanga(solar energy).
Umasipala wase Umzimvubu kunyaka-mali 2023/24 ufumene isixa-semali esingange R613 million.
16 Canzibe 2024