Ezasekuhlaleni

IXHEGO ELIFINCA IMINYAKA ENGAMA-72 LIPHUMILE ETYOTYOMBENI

QONCE- Ngokwemigudu yokuzama ukuphucula impilo yabo basokolayo ezilalini, uMphathiswa wesebe lezokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni uSiphokazi Lusithi-Mani kunye noSodolophu womasipala ombaxa waseBuffalo City uPrincess Faku banikezele ngezindlu ezingapha kwamashumi amabini anethoba kwilali yaseCliff, eQonce ngomhla weshumi elinesine kule imiyo.

Unintsi labahlali balelali ingakumbi abo badala bebehlala ematyotyombeni, nebekubonakala ukuba angathi wolohloko naninina kwaye lonto ibibeke ubomi babo esichengeni.

Isebe sele lizigqibile izindlu ezingamashumi amabini anethoba kwaye zidluliswe ngokusesikweni ngosuku olukhankanyiweyo ngasentla, ziintsapho ezintsala nzima ezingama 248 ekulindeleke ukuba zixhamle izindlu kwiprojekthi yokwakhiwa kwezindlu neqhutywa lisebe lezokuhlaliswa koluntu. Ukuzokuthi ga ngoku ngabaxhamli abangama 127 abasele bexhamlile kwizindlu zabo kwaye sele behlala.

Ixhengo esele lifinca iminyaka engama-72 uZwelibanzi Valuvalu nobehlala etyotyombeni isidima sakhe sifezekisiwe ngomhla we 14 kule imiyo ngexesha ebenikwa izintsixo zendlu yakhe yesitena nguMphathiswa uLusithi-Mani.

Indlu kaValuvalu ibinewu-newu yifenitshala kunye nokutya, ngexesha ebengena kuyo okokuqala.

Ixhego lithethe lenjenje, “Ndivuya ngokungazenzisiyo ekufumaneni indlu yesitena nokuba kungafika isaqhwithi soze ndibenalo ivalo, xa imozulu ibimbi bendibamaba amazinyo kwela tyotyombe bendihlala kulo”.

16 Canzibe 2024