KUBHUBHE ABANTU ABATHATHU
GCUWA-Ekuzeni kusa namhlanje ngentsimbi yesithathu(03h00), umqhubi uye waphulukana noluwulo lwesithuthi sakhe kuhola wendlela uN2 kufutshane neDyunivesithi yaseWalter Sisulu.
Yimoto eluhlobo lwe-VW Polo ebinabakhweli abahlanu(5) abangamadoda, lePolo ibisuka kwicala laseGcuwa.
Amadoda amathathu(3) aye abhubhela kwindawo yexhwayelo.
Umqhubi kunye nomkhweli omnye bafumene imigruzuko engephi, baye baleqiswa kwisibhedlele saseGcuwa ukuze bafumane ukubhila-bhilwa ngugqirha namongikazi.
Kurhaneleka ukuba le ngozi ibangelwe kukungakhathali komqhubi.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo samaPolisa waseMsobomvu ukuze kuqhutywe uphando.
Othethela iSebe lezoThutho ephondweni leMpuma Koloni u-Unathi Binqose uthe uMphathiswa weSebe lezoThutho uXolile Nqatha ugqithise amazwi wovelwano kwiintsapho ezichaphazelekileyo edomboza kubaqhubi ukuba baqhube ngenkathalo.
Mzukisi Mangwane
16 Canzibe 2024