Ezemfundo

ISEBE LEZEMFUNDO BELIBAMBE UMTHANDAZO

ZWELITSHA- Nanjengoko kulindeleke ukuba ziqale iimviwo zaphakathi enyakeni ibambela-ntloko lesebe lezemfundo kwiphondo leMpuma Koloni uSharon Maasdorp ukhokhele umthandazo wemviwo zaphakathi enyakeni.

Lomthandazo ububanjelwe kwandlunkulu wesebe lezemfundo ephondweni, eZwelitsha ngomhla weshumi elinesithandathu kule imiyo.

Oka Massdorp uthe, “Namhlanje simeme iinkokheli zakwaThixo ulizwi kuba zinintsi iziganeko ezoyikekayo ezisixhaphakeleyo ezikolweni. Silisebe siqwebe iqhinga lokubanaleseshoni yomthandazo,” utshilo.

Ukongeza nakunyaka ophelileyo isebe beliyisingathile iseshoni yokuthandazela abafundi, “Xakuzobhalwa ingqondo yabafundi iyaxinana kungoko kufuneka sibathandazele abantwana bethu,” itshilo intloko yesebe ephondweni.

UMassdorp ukhweba lonke uluntu ukuba lithandazele abafundi ezikolweni, ingakumbi ngelixesha kusondele iimviwo zaphakathi enyakeni.

Leseshoni yalomthandazo ibikukuthandazela bonke abafundi ekulindeleke ukuba bachophele iimviwo zabo kulekota. Iinkokheli eziphuma kwinkonzo ezahlukeneyo nazo bezizimasile kuleseshoni yalomthandazo.

Iimviwo zaphakathi enyakeni kulindeleke ukuba ziqale kungekudala.

17 Canzibe 2024