Ezemfundo

AKUKHO RHWAPHILIZO KWANOKHOLEJI, UTSHO UNDZIMANDE

DIKENI- UMphathiswa wesebe lezemfundo ephakamileyo kunye noQeqesho uNjingalwazi Blade Ndzimande ugxininisile kwakhona ukuba uzokuqhubeka esebenza nebhunga leDyunivesithi yaseFort Hare, kunye nabanye osomaqhuzu bedyunivesithi abachaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba akukho nolunjani urhulumento olugwenxa kule dyunivesithi.

Oku kuza emveni kokuba okaNdzimande ebedibene nebhunga lale dyunivesithi.

Lentlanganiso nebichotshelwe ngomhla weshumi kule imiyo, lentlanganiso iqinisa ungenelelo lukaNdzimande kunye nasekulweni urhwaphilizo kule dyunivesithi.

Umba nobutshis’ibunzi walentlanganiso elibhunga belifuna ukuthi thaca kumphathiswa inkqubela phambili eliyenzayo kule dyunivesithi ukugxininisa kwizinto ezinxulumene norhulumento.

Ukongeza nokudakanca ingxushu-ngxushu ibikhe yenzeka kule dyunuvesithi, ukubanjwa kwabantu abakuqoqo oluphezulu abaphangela kule dyunivesithi kuquka nabo bebephangela kwi ofisi yentsumpa yedyunivesithi.

Isebe liyikhabe ngawo omane ingxelo yonondaba egxininisa ukuba intlanganiso kaNdzimande kunye nebhunga khange iphumelele. Amanye amalungu webhunga angqinile ukuba i-agenda yentlanganiso khange idakancwe kwangexesha.

Kodwa ke yona intlanganiso iye yaqhubekeka emveni kokuba nje emveni kwekhefu encinci kuye kwangqinelwana. UMphathiswa ngokwenene ngokwenkxalabo yakhe uzidakancile izinto ezenzeka kule dyunivesithi.

“Emveni kokuba umphathiswa edakance inkxalabo ngokwenzekayo kule dyunivesithi, ibhunga lingqinile ukuba lizakuphendula kodwa hayi kwamsinya. Umphathiswa uzokuzibhala ngosiba iinkxalabo anazo ngakule dyunivesithi,” litshilo isebe.

Ukongeza isebe lingqinile ukuba intlanganiso kaNdzimande kunye nebhunga ihambe kakuhle gqitha, kwaye umphathiswa uzimisele ekusebenzeni nale dyunivesithi. Ukuqinisekisa ukuba akukho lurhwaphilizo kwaye kukho urhulumento olucwengileyo.

20 Canzibe 2024