UMBUTHO I-ZACCHONO UZIMISELE EKUGUQULENI IKAMVA LABANTWANA
EMONTI- Umbutho ongajonga-nzuzo iZacchono foundation uqweba amaqhinga okuphucula imfundo yabantwana bezikolo zasezilalini, lombutho ugxile kakhulu kubantwana abenza izifundo; ezenzululwazi.
Lombutho ugxile kakhulu kwabo bafunda ezilalini benza amabanga ukuqala kwibanga; 7,8 & 9. Abafundi abenza ibanga 10 lombutho uye aqwebe amaqhinga okubabonisa izakhono ezo abafundi bazifunda emagumbini wokufundela.
Umbutho iZacchono ubambisene neziko lezonyango lakwa Pathcare eMonti, ngomhla we 14-16 kule imiyo lamaziko ebesingathe umsitho wemiboniso wantsuku-ntathu kwiziko lezonyango lakwa PathCare eMonti.
Ngabantwana besikolo abangama shumi anesihlanu abachongwe kwizikolo ezahlukeneyo kwizikolo; Tsomo, Ngcobo kunye naseCofimvaba.
Ababafundi bachongiweyo bachithe ixesha kwilebhu yeziko lezonyango lasePathCare befundiswa ngezinto, bekwaqeqeshwa ngokwenzekayo elebhu.
Ophuma kwaPathCare uGqirha Zipho Mafika uthe, “Singu PathCare sizingca kakhulu ngeligalelo lokusebenzisana neZacchono foundation ukuba sikhe sithathe abantwana sibabonise ngokwenzekayo elebhu, siyiPathCare asiyikhabeli ngaphandle into enemfundo siyayilangazelela kakhulu,” utshilo okaMafika.
Ingqonyela yombutho iZacchono foundation uMthunywa Ngonzo ugxininisile ukuba uyayibulela kakhulu indima edlalwe nguPathCare ekugangeni ababantwana, ukuze bafunde lubanzi ngezonyango.
Eliphulo lisagquba kumasipala wesithili waseChrisHani, “Emveni kokuba siyesaphonononga sisigqeba sibonile ukuba eliphulo kuyafuneka ukuba sikhe silinabise, ndizama ukuthi sizokulifunqula silise nakumasipala wesithili saseO.R Tambo kunye naseSarah Baartman,” utshilo uNgonzo.
USimamnkele Ngcwembe,16, ofunda Ibanga 8 ophuma kwisikolo samabanga aphakamileyo iTsomo SSS ungqinile ukuba ufunde kakhulu, “Elebhu ndizibonile izinto esizifundiswayo kwigumbi lokufundela kwaye lonto inikisa umndla kakhulu,” utshilo uSimamnkele.
USimamnkele kwezobunzululwazi uzingombe isifuba esithi kwiziphumo zalonyaka uzobuya egushe u-level 6 kwezobunzululwazi.
Ukanti uLinathi Nophatha osuka kwisikolo Isithoza eNgcobo uphefumle, “Ngokubalapha ndingene elebhu ndibone ubuxhaka-xhaka balemihla esisoloko sixelelwa ngabo kwigumbi lokufundela oko kwenze ukuba ndilibone lisemnyango iphupha lam lokufundela ubu gqirha, kwiminyaka ezayo ndizibona ndikulomzi wakwa PathCare kwaye ndigqushalaza elebhu”.
Abo banqwenela ukufunda ezonyango bangandwendwela kwaPathCare nanjengoko bene ‘learneships’ zabo banqwenela ukufundela ezonyango.
Umbutho iZacchono foundation wamnkela nenjani na inkxaso enokuthi isuke koosomashishini babucala okanye nakweliphi na isebe lika rhulumente.
20 Canzibe 2024