Ezasekuhlaleni

UMBUTHO WEZOPOLITIKO WAKHE UMBHAZA-BHAZA WENDLU

FLAGSTAFF- Iqela lombutho wezopolitiko eliphikisayo iAfrican Transformation Movement(ATM) ngomhla weshumi elinesibhozo lidlulise ngombhaza-bhaza wendlu kusapho lakwaSomdizela eFlagstaff, kwilali yaseSiphaqeni.

Ngamalungu osapho asibhozo nebehlala kwindlu yodaka eligumbi elinye, nebisondele ngasemlanjeni ikweyona ndawo imbi kakhulu.

Othethela usapho uNontothelelo Somdizela(34) nophila ngokushishina esitratweni ungqinile ukuba ngokwenene bangabantwana abangamantombazana abasibhozo abahla bodwa nanjengoko bashiywa ngabazali.

“Sibonwa yintoni na ekhaya umbhaza-bhaza wendlu engaka kuquka nefenitshala esingazanga sanayo ngaphambili, zangesabanayo ifenitshala ekhaya,” uthethe enyembezana luvuyo uNontothelelo.

Ukongeza elinina ligxininisile ukuba abantu mabavotele umbutho weATM kuba nguye ozokukhulula abantu.

Inkokheli yalombutho uVuyo Zungula uyinikezele ngokusesikweni indlu ngokwakhe enyathele eFlagstaff, “Sizokunikezela ngalendlu njengenxalanye yokuqweba amaqhinga okubuyisela isidiama emntwini omnyama. Sikwenza oku iimpokotho zethu zivuza kwaye sinezihlalo ezimbini kwipalamente kwazwelonke, lonto ithetha ukuba sizimisele ekukhathaleleni uluntu,” Zungula.

Lombutho uzityande igila wathenga umhlaba kuba befuna ukwakhela olusapho ikhaya, besebenzisa imali yombutho.

20 Canzibe 2024