BAMDLWENGULE BAKUGQIBA BAMBULALA
KOMANI-Yintombazana eneminyaka elishumi elinesixhenxe kuphela ephuma kwingingqi yaseNtabethemba eRocklands ethe yadlwengulwa emveni koko yabulawa.
Benze ntoni abantwana babantu babulawa ngalendlela?
NgoLwesihlanu umhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga kaCanzibe kulo umiyo kuye kwadlwengulwa uThimna Sigayi(17) emveni koko wagetyengwa.
Umzimba wakhe uye wayakucholwa ezindongeni kumlanjana omncinci phakathi kweNtabethemba kunye beBacclesfarm ngoMgqibelo umhla weshumi elinesibhozo.
Umkhondo ufumaneke emveni kokuba abantwana abancinci bechole imfono-mfono yasesinqeni kaThimna, le mfono-mfono bayichole kude kufuphi nalo mlambo agetyengelwe kuwo.
Kuphandwa abafana abathathu(3) abafunyenwe benegazi, kodwa abakavalelwa kuba kusaqhutywa uphando.Umntwana lo ubhubhileyo, uphumelele ibanga leshumi kunyaka ophelileyo epasa ngeBachelor(B).
Ngomhla weshumi elinesibhozo ubezakudibanisa iminyaka elishumi elinesobhozo nanjengoko ibizakubangumhla wakhe wokuzalwa.
OnguCeba wakwaWadi 31 umnumzana Nduku uthe, “Kwiivekana nje ezimbalwa besingcwaba intombazana eneminyaka elishumi elinethoba ubudala kwilali yaseMitford, nayo ibidlwengulwe yaze yabulawa, ibulawelwa emlanjeni”.
Umnuzana Petros Majola, usodolophu waseEnoch Mgijima uCeba uRapiyane bazakuwa bevuka kwelacala bekhangela isisombululo salenqontsonqa. Izolo bebetyelele ikhaya lexhoba.
Mzukisi Mangwane
23 Canzibe 2024