Iindaba

UBUNEWU-NEWU BASE SAJONISI KUKWAKHIWA KWEENDLELA-SODOLOPHU

SAJONISI- USodolophu womasipala wasekuhlaleni iPort St Johns ohloniphekileyo uCeba Nomvuzo Mlombile-Cingo wethule intetho yobume boMasipala ngomhla we-23 kuCanzibe 2024, uSodolophu ebeyiwisa lentetho kwibala lokudlala igalufa eSajonisi.

Kwintetho yakhe uCeba ugxininisile ukuba bengumasipala bagqushalazela ukuba ngumasipala ophucukileyo](smart city municipality). “Ndingagqina ukuba amashishini asakhasayo aseSajonisi ayaxhamla kwezinye zeprojekthi esisenzayo apha kumasipla,” Mlombile-Cingo.

Umgama wendlela ongange khilomitha ezingama-287 uSodolophu ungqinile ukuba ukuzokuthi ga ngoku wenziwe, indawo yaseBele, Ziphunzana, Thontsini, Luphaphasi  kunye nakwezinye iindawo uSodolophu ungqinile ukuba ezondlela sele zilungisiwe ukanti iMarine drive yona igqityiwe.

“Singumasipala sifuna zonke iindlela zifana nendlela iMarine drive,” utshilo uSodolophu.

Ukongeza uSodolophu ugxininisile ukuba ukwakha amaholo yinto yokugqibela kumasipala undoqo kukuqala ngeendlela.

“Konakona amaholo siyawakha kodwa undoqo ibikukuqala ngeendlela, kwa wadi 3 sizokulivula iholo lakhona kungekudala, iholo lakwa wadi 7 sele lizogqitywa ndithetha nje nani,” Ceba Mlombile-Cingo.

USodolophu kwintetho yakhe uyichaphazele inkqubo yombane kumasipala, “Inkqubo yombane sifakana umlomo nenkampani ephehla umbane yakwaEskom, ndingangqina ukuba kwiindawo ezinobungozi sizifakile izibane ezikhulu ezikhanyisa ebusuku(High mass light).

Iindawo ezixhamlileyo kwezizibane zikhulu kuseToli, Luqhoqhweni, Gobezulu ukukhankanya nje ezimbalwa.

USodolophu ecenga uluntu laseSajonisi, “Ndiyacela bantu bakuthi xaninomsindo ngokuzithoba ndiyacela noko singazigrumbi iindlela”.

Indlela yaseJabavu esingise eMjojeni, kunye nendlela yaseBele ungqinile uSodolophu ukuba kuyasetyenzwa.

USodolophu ebethelela kwinkonzo eluntwini, “eBambisana sakha umbhazalala wesibhedlele ndithetha nje nani,” Mlombile-Cingo.

Kwicala lezokuhlaliswa koluntu uSodolophu ungqinile ukuba kuyasetyenzwa bazama ngako konke okusemandleni ukwakha izindlu.

Amafama aphakula iinyosi eChwebeni nawo awavalelwanga ngaphandle ugxininisile uSodolophu.

Iholo lakwa wadi 3 lizokuvulwa kungekudala uSodolophu ulinde nje ukuba kubekho izitulo, iholo lakwa wadi 7 liyakhiwa nalo ugxininisile uCeba Mlombile-Cingo.

Indlela iBizana kunye neLuzuphu kuxakekiwe kuyasetyenzwa, eLityeni naseTyiweni kuyasetyenzwa kwenziwa indlela nakhona.

Ukongeza uSodolophu ugxininisile ukuba kumatasatasa eSajonisi kwakhiwa iibhulorho, “ibhulorho yaseSinangwane kunye naseMdlankala ziyenziwa ndithetha nje ngalomzuzu naseButho sixakekile sakha ibhulorho,” utshilo uSodolophu.

Zibhulorho ezilishumi umasipala waseSajonisi azifumeneyo, ezizokwakhiwa kulo masipala nezakhiwayo.

“Ngumasipala wam lona kwaye ndizokulwa ndimphucule, ndisebenza ubusuku-nemini,” uqwele ngalawo uSodolophu.

23 Canzibe 2024