UKUNDULUKA KWAKHE KUSHIYE USIZI, INTLINGU NONXUNGUPHALO
MQANDULI- Ngomhla weshumi elinesibhozo kuCanzibe 2024, umfundi waseKSD TVET College eNtabozuko kwidolophu yaseXhorha ongumfana kurhaneleka ukuba nguye obuelele isinqanda-mathe sakhe emveni koko naye wazigqithisa amafu.
Ngentsasa yangoMgqibelo omnye wabafundi kweliziko ubeyokuthatha isixhobo sakhe sokupheka(Stove), uye wakhwaza akwasabela mntu, wangena ekungeneni kwakhe uye wagagana nendoda ilenga-lenga kwintsika yendlu kubonakala ukuba izixhomile, xa ephinda ephosa amahlo ebhedini, nantso intombi yelityendyana ithe tywaa ebhedini nayo ibisele iyikhabile ibhekile.
Ngokwengxelo edizwe ngabo bazibonele ngamehlo, kuqapheleka ukuba le ntombazana inkrwintshwe emqaleni lelityendyana, emveni koko lazixhoma.
UNoncedo Bunzi(25) waseMqanduli kwilali yakuMancam ulandulela eli eshiya abantwana bakhe ababini(2), owokuqala uneminyaka emithandathu(6) owesibini uneminyaka emithathu(3).
Kulonyaka ngomhla wama-25 kweyoKwindla 2024, latshona emini kolusapho emveni kokubhubha kukamama kaNoncedo, akukapheli neenyanga ezimbini engcwatyiwe ngoku kusweleka le ntombi.
Lunyembezana olusapho luzibuza imibuzo engenazimpendulo, kuba bekusekutsha noko kwaye nenxeba liselitsha.
Ngelixesha uNoncedo efunyanwa umzimba lo wakhe ubudlaka-ndlaka zizibhaxu zentonga, kufikwe intlantlatheke ivuku-vuku intonga ekurhaneleka ukuba ubengonjwa ngayo.
Lo mfo khange abe engqunga-ngqunga ekhangela isixhobo sokuzigqithisa amafu, uvele wanqakula nje ibhanti lesinxibo sokulala(Gown), wazinkinya ngalo emqaleni emveni koko wantswinyela kulo ndawo.
Usapho luyadomboza, lucengana noluntu ukuba lufake isandla nanjengoko lungenayo imali yokungcwaba.
Ofuna okanye onqwenela ukufaka isandla angatsalela umnxeba kule nombolo; 078 435 9311(Umzala wexhoba).
Mzukisi Mangwane
23 Canzibe 2024