UNGWENYA UDIKWE NYA! NGABO BAVASA IMOTO
EMONTI- Umasipala ombaxa waseBuffalo City wonele ngabantu abahlamba izithuthi kunxweme laseMonti, kwindawo yaseQuigney.
Abo bahlamaba izithuthi zabo kolunxweme bazokujamelana nengalo yomthetho eqatha, lonto ingabenza baqamele ngeqindi. Oku kuza emveni kokuba umasipala edikwe nya, ngumkhumba wabantu abahlamba imoto elwandle. Ukuzokuthi ga ngoku umasipala uzokubhenela ezinkundleni malunga nalenyewe.
“Besiqwebe iqhinga lokuhlawulisa abo bahlamba izithuthi apha isohlwayo esingange ikhulu lerandi, qha siyabona ukuba bayasidelela esosohlwayo yiyo lonto siqonde ukuba masibhenele ngakwi nkundla zamatyala,” utshilo osisithethi somasipala ombaxa waseBuffalo City uSamkelo Ngwenya.
“Siseke iqumrhu singumasipala elizokusikhokhela ukuba sibhenele kwinkundla zamtyala, nalapho sizokufuna ukuba esisohlwayo sibeqatha,” Ngwenya.
Abo bahlambisa izithuthi elwandle bangazibhaqa sele bekwezimnyama izisele okanye bazibhaqe sele bethinjelwe izithuthi ngumasipala ngenxa yokungalndeli imithetho kamasipala.
UNgwenya ugxininisile ukuba ubugxwayiba obenzeka phambi kolwandle laseQuigney bumosha uqoqosho lomasipala kwaye lonto yenza abakhenkethi bachwechwele ngaphandle kwalo masipala.
23 Canzibe 2024