Ezinye iindaba

ABAHLALI MABEZE NEGAMA LEBHLORHO ABAZOYAKHELWA

XHORHA- Ibhulorho engange mitha ezingama 88.6(m) esuka eXhorha mouth iyokuqhina eNdlalatha neyakhiwa ngelitye lekhokrikthi izakudala izithuba zemisebenzi ezilishumi elinesithathu(30) kumasipala wasekuhlaleni waseMbhase.

USodolophu womasipala wasekuhlaleni waseMbhase uCeba Samkelo Janda udandalazisile ukuba ulwakhiwo lalebhulorho kuzoxabisa izigidi-zeerandi ezingange R16.6 uSodolophu ukutyekeze oku eXhorha ngexesha ebedibene nabahlali.

USodolophu ngexesha esazisa inkampani yekhontraka ezokwakha lebhlorho, ugxininisile ukuba uphendula kwizikhalo zabahlali nanjengoko abahlali babecele ukwakhelwa ibhulorho.

Le projekthi yokwakhiwa kwale bhulorho kulindeleke ukuba iqalise xakuqwela lenyanga sikuyo.

Lebhlorho yemka nomsinga ngonyaka ka2021.

“Bahlali ndibongoza ukuba nicinge igama lalebhulorho, kuba ndifuna xasiyivula kwaye siyinikela ngokusesikweni ibenegama elizokubhalwa ezimbalini,” utshilo uSodolophu.

USodolophu uyibethelele into ukuba abahlali xabegcuma ngumsindo bangasondeli kule projekthi, “Imiceli mngeni isoloko ikhona eburhulumenteni kodwa lonto ayithethi ukuba siphazamise ulwakhiwo lebhlorho,” wongeze watsho USodolophu.

Ukongeza uSodolophu ungqinile ukuba zikhona ibhulorho ezigqityiweyo, ngakwilali yaseMgojweni, kwilali iMahobe kunye nakuGatyana zigqityiwe ezo ibhulorho.UJanda ungqinile ukuba bengumasipala bazibophelele ekwakheni iibhulorho eziluhlobo lekhokrithi.

24 Canzibe 2024