Iindaba

UKUPAPASHWA KWENCWADI “I AM WHAT I CHOOSE TO BECOME”

BHISHO- NgoMgqibelo, umhla we-11 kuCanzibe 2024 bekuphehlelwa incwadi esihloko sithi‘I AM WHAT I CHOOSE TO BECOME‘ eMonti. “Le ncwadi ndiyibhale ngenjongo zokuba ibenegalelo ekukhuliseni umntu nasekufezekiseni amaphupha omntu lowo,” utshilo umbhali wale ncwadi.

UNonelela Melissa Ndzube (22), oyinzalelwana yaseBhisho, ngumbhali walencwadi esihloko ‘I AM WHAT I CHOOSE TO BECOME‘ Eligqiyazana lichubeke kunene likwasisifundiswa esineDiploma kulawulo lwentengiso, i-Marketing Management ngolwasemzini, elayifumana ngonyaka ka2022. Lo ka Ndzube ukwasiso nesithethi sembeko, uyikumkanikazi kukhuphiswano loonobuhle, ungumqeqeshi wonobuhle, umsunguli wokhuphiswano loonobuhle elaziwa ngo Miss King William’s Town, ungomnye wabaseki beziko eliqeqesha oonobuhle i-Arts Modelling Academy, ungumsunguli weMelissa Ndzube Foundation kunye nombutho wolutsha i-‘In God’s era Movement’, onjongo zawo ikukuvuselela isibingelelo sikaThixo kunye nobudlelwane bolutsha kuThixo.

Ngesakhono sokubhala esichukumisa lowo ufundayo, uNdzube kule ncwadi usizobela umfanekiso malunga nokubaluleka kokuzazi komntu. Ngokokutsho kuka Ndzube, ukuba umntu ngamnye angazazi ukuba ungubani, kwaye ayazi ukuba luyintoni ubizo lwakhe emhlabeni, lonto ingasisixhobo sokujongana nemingeni yobomi.

Lencwadi isebenza njengesipili kubomi bomntu ngamnye, ikhuthaza lowo uyifundayo ukuba azihlole de awazi amandla akhe okwenene. Ngelikhwelo lichukumisayo, uNdzube ukhuthaza abantu ukuba baphakame ngaphezu kweemeko abajongene nazo kwaye balandele iminqweno yabo ngokuzimisela okungagungqiyo.

“Lencwadi esihloko ‘I AM WHAT I CHOOSE TO BECOME‘ ayiyoncwadi nje, yincwadi ekhuthaza ukukhula komntu nokuzalisekisa amaphupha abantu,” uthethe watsho uMelissa.

Lo mbhali uthi ukujonge ngamehlo abomvu ukubhala ezinye iincwadi, “Ndibhala uhlobo lweencwadi zobuKrestu nezikhuthazayo,” wongeze ngelitshoyo.

Ukongeza lokaNdzube ubhala incwadi yakhe yesibini esihloko sithi ‘Defined in Him‘. Le ncwadi iyakujolisa ekuncedeni abantu basondele kuThixo, bazifune kwaye nobomi babo buqhubekele phambili bukwisisekelo esiqinileyo,”Ndzube.

“Andinakutsho ukuba ilindeleke nini lencwadi, incwadi nganye inamandla ayo indlela yayo kunye nendima yayo. Yiyo lonto ndingenakutsho ukuba izakuphuma nini ke le yesibini incwadi,” wongeze watsho lokaNdzube.

Umbhali uthi imothusile inkxaso kunye neentengiso asele ezifumene ukuzokuthi ga ngoku ngencwadi yakhe yokuqala, uNdzube uthi ufuna ukubulela i-Vision 4 Women ngokuba ngumbutho wokuqala ukuthenga iqela leencwadi.

UNdzube ubongoza bonke abantu ukuba bathenge, “Into endinokuyithetha kukuba lencwadi ikwasiso nesibane esikhanyisela umntu akwazi ukuqhubeka nohambo lwakhe oluya enzalisekweni, kwaye aphile ubomi obunenjongo,” utshilo uNdzube.

Okwangoku, umbhali usebenzisana ne arhente ehambisa iincwadi (distribution agent), ngeenzame zokwenza incwadi ifumaneke kuzo zonke iivenkile zeencwadi eMzantsi Afrika. “Okwangoku ndisathengisa bucala, abantu abafuna incwadi bangatsalela ku-067 002 9429” Uqukumbele ngalomazwi uNdzube.

Ncebakazi Sithako & Somila Tiwani

24 Canzibe 2024

ReplyForwardAdd reaction