Iindaba

ITYHAGI IDUTYULWE YESAA! NGEXA YE-WIFI

LUSIKISIKI- Unogada oneminyaka engamashumi anesithandathu anesibini(62) uselugcinweni labakwantsana oku kuza emveni kokuba kutyholwa ukuba lonogada uvulele izulu lezandla kwinkwenkwana eneminyaka elishumi elinesithathu(13) yayikhaba ibhekile.

Esisehlo senzeke ngobusuku bangoLwesine, kwisikolo samabanga aphezulu iMatafeni, eLusikisiki.

Ngokwengxelo edizwe sisithethi samapolisa eMpuma Koloni uKoloneli Priscilla Naidu, “ligquba labantwana abasixhenxe ebelizama ukungena esikolweni befuna uyokufunxa i-Wifi, laze ladibana nonogada”.

Ukongeza uNaidu ugxininisile ukuba eligquba limbonile unogada lacela kwabanentsente, kulapho unogada aqale khona ukuvulela izulu lezandla.

“Lenkwenkwana ineminyaka elishumi elinesithathu(13), iswelekele kwindawo yexhwayelo, ukanti itshomi yakhe ileli ngandletyanyana esibhedlele,” Koloneli Naidu.

Unogada utyabekwe ityala lokubulala, ukuzama ukubulala nokuba nomkhono wekati ongekho semthethweni.

Kulindeleke ukuba lonogada athi tshe enkundleni ngoMvulo.

25 Canzibe 2024