IPHONDO LIKULUNGELE UKUSINGATHA ULONYULO 2024
EMONTI- IPhondo leMpuma Koloni likulindele ukusingatha ulonyulu, ekulindeleke ukuba luqala ngomhla we-27 uyokuma ngomhla we-29 kuCanzibe.
Ziiyure nje ezimbalwa abemi baseMzantsi Afrika basingise kwizitishi zokuvota, iphondo leMpuma Koloni sele likulindele ukusingatha ulonyulo luka zwelonke kunye nelephondo ekulindeleke ukuba luqale ngomhla we-27 ukuya ngomhla we-29 kuCanzibe.
UMkomishinala wamapolisa kwiphondo leMpuma Koloni uLt. Njengelele Nomthetheleli Mene, ungqinile ukuba abakwantsasana ephondweni bakulindele ukusebenza ngelixesha lolonyulo. Kwaye bazokuqinisekisa ukuba akukho zingxwaba-ngxwaba zizokwenzeka ngelixesha.
Zizitishi zokuvota ezingama-4868 ezikhoyo ephondweni jikelele.
“Ukhuseleko ngelixesha lolonyulo ngumsebenzi wethu,” utshilo uMene.
“Siqwebe amaqhinga okuqinisekisa ukuba wonke ubani ukhuselelekile ngelixesha lolonyulo, yonke imigaqo yokhuseleko engundoqo izakulandelwa ukuze abemi boMzantsi Afrika bavote ngokukhululekileyo besebenzisa ilungelo labo,” Wongeze watsho uNjengelele uMene.
Kwindawo ezichongwe yinkonzo yesipolisa eMzantsi Afrika, kwiphondo leMpuma Koloni(SAPS) ezinobungozi inkonzo uSAPS ugxininisile ukuba uzokutyala amapolisa ongeze aliqela.
“Asizukuhleka nabhokhwe ngelixesha lolonyulo, akukho nalunye ulwaphulo-mthetho oluzokwenzeka,” ulimkise watsho okaMene.
Ukongeza iqumrhu lokuvotisa elizimeleyo i-Independent Electoral Commission(IEC) ephondweni lingqinile ukuba izitishi zokuvota ephondweni zingama-4868.
Isebe lorhulumento kunye nemicimbi yezekhaya(COGTA) ephondweni ligxininisile ukuba liyamxhasa uIEC ngelixesha lolonyulo.
Oomasipala abachongwe ngabakwantsana njengendawo ezinobungozi ngexesha lovotu, ngumasipala ombaxa waseBuffalo City, umasipala ombaxa waseNelson Mandela kunye nomasipala wesithili wase O.R Tambo.
27 Canzibe 2024