ZIME NGXI IZINTO KWISIBHEDLELE ZASE ZITHULELE
MQANDULI- Bazibeke phantsi izixhobo zokusebenza abasebenzi kwisibhedlele saseZithulele kwidolophu yaseMqanduli namhlanje.
Xa besincokola nomnye wabongikazi, udandalazise izinto eziliqela abazikhalazelayo, ukukhankanya ezona zitshotsha entla zezokugxothwa kooGqirha abamhlophe kwesisibhedlele, ukungabikho kwezixhobo zokuya kwindlu encinci(Toilet papers), nokuphalala kwesisibhedlele phantsi kwesandla sikaNolubabalo Fatyela.
Olitsha-ntliziyo elilwela amalungelo wabasebenzi kunye nezigulane kwesaa sibhedlele uZine Mfundisi, uthethe wenjenje, “Sifuna kubuyiselwe uGqirha Nicholas ngokukhawuleza okudibene nokungxama, okwesibini sifuna zinanezele iidyasi zeCEO yesisibhedlele uNolubabalo Fatyela oobhontsi bajonje kumasango wesisibhedlele, aphume aphele phaya kwelakhaya.
Bakwacengana nomphathi wesithili ukuba adomboze kulo kaFatyela abuyise iimali awazibhatalwa apha ngokungekho semthethweni ukuze ayokuhlala kwindawo kanokutsho nekwelona zinga nenqanaba eliphezulu.
Kukho nemali yenqaba(Tower) ekurhaneleka ukuba ingena kulentokazi yakwaFatyela, nayo kucelwa ayibuyise kungentsuku zatywala.
Yimibutho yabasebenzi emithathu ethetha ngazwi-nye nethe yatyikitya isivumelwano sokunyanzelisa iimpendulo ngakwiSebe lezeMpilo ephondweni leMpuma Koloni, yiDENOSA, iNEHAWU kunye neHOSPERSA.
Amalinge nemigudu yokunxibelelana nalo kaFatyela awe phantsi nanjengo imfono-mfono yasesinqeni yasesinqeni ingafumaneki.
Basagcabe apho abasebenzi kuba lo kaFatyela ubethembisile ukuba namhlanje uzakugaleleka azophendula kwezizityholo atyatyekwa ngazo.
Izigulane zishiyeke zodwa zimbina-mbineka ziintlungu zenyama.
Ongumphathi wesithili umama uNtshangase uye wagaleleka emva kwemini ecela ukunikezwa iintsuku ezisixhenxe ukuze akwazi ukufunda nokwetyisa ezizikhalazo.
Yonke into izakucaca emveni kwentsuku ezisixhenxe.
Mzukisi Mangwane
28 Canzibe 2024