INKOBONGELA YEXHEGO IDLWENGULE UMNTWANA WAYO
QOBO-QOBO-Kutyholwa ukuba uye waqinelwa ngutoki wakhe emveni koko wazenzela kwintombi yakhe kulomhlaba uchumileyo.
Yindoda eneminyaka angamashumi amane anesiXhenxe(47) ekurhaneleka ukuba iye yanqamela umntwana wenkosikazi yayo(Step Daughter) oneminyaka elishumi elinesithathu(13) ubudala emveni koko yamdlwengula wade wabe uyakhulelwa.
Esisiganeko sesikizi senzeke kwindawo yaseKeiskammahoek(kuQobo-qobo) apha kwiphondo leMpuma Koloni.
Le ndoda isebenzela iSebe lezobungisa kwenye yeenkundla zikaMantyi kwaye ibithe tshe okokuqala namhlanje enkundleni malunga nokufaka isicelo sebheyile.Ingxelo ithi lenkobongela yexhego yaqala ukuziminca ngalomntwana eseneneminyaka elishumi(10) kuphela ezelwe.
Uthe akukhulelwa umntwana kwavakala ukuba le ndoda kudala izinika apha kuye, kwaye sekumbovu le ntombazana ibeleke umntwana kayise(Step Father).
Mzukisi Mangwane
30 Canzibe 2024