YIMINYAKA EMIHLANU IIMPOMPO ZINGAPHUMI AMANZI
COFIMVABA- Abahlali beelali zaseCofimvaba bathi yiminyaka emihlanu bafakelwa iimpompo kodwa kunani ukuphuma ithontsi lamanzi, abahlali banqwalile ukuba amanzi bayawathenga. Amanzi bawathenga kubanini bebhaki kunye nabanini beedonki nanjengoko ingabo abawakha emilanjeni amanzi.
Abo bangenamali yokuhlwawula baziyela ngokwabo emilanjeni uyokuzikhelela amanzi, umasipala wesithili uthi unobangela koku kukutyhuthulwa kweziseko zamanzi.
Iilali ezichaphazelekileyo eCofimvaba ngezi; eSabalele, eMncuncuzo, eLinge, eNcorha, eLubisi, eNtshingeni kunye naseQamata ukubala nje ezimbalwa.
Abahlali bezilali bathenga iilitha ezintlanu zamanzi ngemali engange R20, abo bangenayo lemali kuyanyanzeleka ukuba bahambe umgama ongange khiilomitha ezilishumi(10Km) ukuyokukha amanzi emilanjeni nasemifuleni.
Abo banemicimbi okanye umngcwabo kunyanzeleke ukuba bahlawule isixa-semali esingangamawaka amathathu(R3000), ukuze bahlawule iibhaki okanye iilori ezikha amanzi emilanjeni.
UNomazotsho Kwinana ohlala kwilali yaseSabalele uhamba umgama ongange khiilomitha ezintlanu ukuyokukha amanzi kwitanki lebhodlo lomzi, okungasahlali bantu khona. Xasele lomile itanki kunyanzeleka ukuba aquqe amatyeli emlanjeni ngemini esenyuka loomaqhina.
Abanye abahlali balelali bahlawula izithuthi isixa-semali esingange R30 ukuze basiwe emlanjeni baphinde babuyiswe, uNomazotsho unqwalile ukuba yena akanayo imali.
“Ezimpompo zafakwa kwiminyaka emihlanu edlulileyo, kodwa ndikuxelela ukuba zange kwaphuma nethontsi lamanzi kwezimpompo, asikhathalelwanga tuu apha,” utshilo uKwinana.
Umnini webhaki nogama lakhe esilinkonyileyo kwenye yelali zaseCofimvaba ungqinile ukuba ngokwenene uyawathengisa amanzi kwaye uthengisela iilali ezingapha kwamashumi amabini eCofimvaba.
“Andinyanzelisi mntu ukuba makawathenge amanzi, ndinabantu abandincedisayo ukwenza lomsebenzi kwaye ndiyababhatala ngalomazwi ndiwenzile noko umsebenzi wethutyana omncinci,” utshilo umnini webhaki.
Ukongenza ugxininisile ukuba abanye abathengi bakhe babhatala ngezavenge.
Othethela umasipala wesithili saseChris Hani uThobeka Mqamelo ukungabikho kwamanzi ukutyabeke kwabo batyhuthula iziseko zamanzi zomasipala nakwabo benza ubusela kwiziseko zamanzi zika masipala.
Lomasipala wesithili unomgqampompo belori ezilishumi elinesithoba(19) ezinkinkisha amanzi kwezi lali, uMqamelo ungqinile ukuba lomasipala mkhulu ukuba ankinkishelwe ngezi lori.
03 EyeSilimela 2024