ININA EBELIGQITYELWE UBONWA KWI MERCEDES BENZ LINABELE UQAQA
KWA-MQOMA- Inina ebeligqityelwe ubonwa lihamba ngeqegu lakwa Mercedes Benz, lifunyenwe liswelekile amapolisa abambe umntu omnye.
Amapolisa ephondo leMpuma Koloni angqinile ukuba bawufumene umzimba kaZintle Takana(24) engcwatyiwe, KwaMqoma(eBhofolo) ngoLwesibini.
Ukhona umntu obanjiweyo malunga nokusweleka kuka Zintle, kwaye uzokuvela enkundleni kaMantyi yaseBhofolo ngoLwesine.
Othethela abakwantsasana uLt. Koloneli Siphokazi Mawisa ungqinile ukuba uZintle waziswe njengolahlekileyo ngomhla we-31 kuCanzibe.
NgoLwesibini abakwantsana bahlabe ikhwelo becela nabani na onolwazi ngoZintle, bahletyelwe.
“Ingxelo zityhola ukuba uZintle ugqityelwe ukubonwa nesoqanda-mathe sakhe malunga ngentsimbi yethoba ebusuku kwindawo yaseMike Valley kwaMqoma, ukanti iingxelo zikwadandalazisa ukuba yena nesiqanda-mathe sakhe bebehamba ngeqegu lakwa Mercedes Benz elimhlophe,” utshilo uKoloneli Mawisa.
Amapolisa anqwalile ukuba indoda eneminyaka angamshumi amathathu anesine(34) ingapha kwezintsixo.
Ukuzokuthi ga ngoku, uphando luyaqhuba.
05 EyeSilimela 2024