OONQEVU BABATHELE CHUU NGEZULU LEZANDLA
TSOLO- Kukhale izulu lezandla kusapho olunye, kwasweleka abasithandathu(6) kwiziganeko ezahlukeneyo kuTsolo.
Ngobusuku bangoMvulo kudutyulwe indoda eneminyaka angamashumi amane anesithathu(43), ngaphandle kwasemzini katatomkhulu wayo wakhe kwilali yaseMpoza.
Ukanti ezinkuntsela zooqevu ziphinde zagaleleka ngobusuku bangoLwesibini zidubula abantu abadala omnye uneminyaka engama-73 omnye eneminyaka engama-75 malunga ngentsimbi yesixhenxe(19:00) ngorhatya lwemivundla.
Ukongeza kwangoLwesibini njalo abantu abathathu babulewe ngokungenalusini ecaleni kwekhaya labo, ukanti iminyaka yabo iphakathi kweminyaka 62 & 67.
Ngokwengxelo yamapolisa ezinkuntsela zonqevu zifike zadubula onke amaxhoba entloko.
Othethela amapolisa ephondweni uKoloneli Naidu uthe, “Ukuzokuthi ga ngoku unobangela wesisehlo usemfiliba kodwa amapolisa ayaphanda”.
Umkomishinala wamapolisa ephondweni uNjengelele Nomthetheleli Mene, uyalele amapolisa ukuba akhangele nasezicithini ababenzi besisihelegu.
05 EyeSilimela 2024