“ANDIWUTYI UMLEQWA, KUNGENJALO KUZOFA UMNTU”
CACADU(LADY FRERE)- UNcumisa Soci(31) udutyulwe lahlanza iselwa ngenxa yokupheka inyama yomleqwa esazi mhlophe ukuba umalume wakhe akafuni nokuwubona umleqwa.
Ngokwengxelo yekhaya, umalume kaNcumisa wayithetha kwantlandlolo eyokuba yena akayityi inyama yomleqwa ngenxa yokuhexa-hexa kwempilo yakhe.
Ngomhla wama-27 kwinyanga kaCanzibe kulo umiyo kufikwe edada kwichibi legazi uNcumisa, kutyholwa ukuba udutyulwe ngumalume wakhe.
Eyona nto imcaphukise ngamandla umalume yeyokuphekwa komleqwa, oleqwe kwelikhaya, waxhuthwa emveni koko waphekwa kwalapha ekhaya. Umalume ufuna okanye ukholwa yinkukhu ethengwe evenkileni kuphela.
Umalume lo uzakuvela kwinkundla yamatyala ngomhla we-10 kwinyanga yeSilimela kulo umiyo ukuze akwazi ukufaka isicelo sengqawule.
Uzakubekwa yena uNcumisa kumadlaka woyise-mkhulu ngoMgqibelo umhla wesibhozo kwinyanga yeSilimela kulo umiyo.
Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo, uThixo abakhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo.
Mzukisi Mangwane
06 EyeSilimela 2024