Ezasekuhlaleni

UMAPIMPI UNIKEZELA ELUNTWINI

EMONTI- Isiseko i-Makazole Mapimpi Foundation sizakusebenzisana nenkampani yakwaMercedes Benz South Africa(MBSA).

Odlalela amabhokobhoko ephikweni akukaqiniseki ukuba uzokudlala ndawoni kulonyaka, kodwa isiseko awasisungulayo iMakazole Mapimpi Foundation siqweba amaqhinga okwenza utshintsho ephondweni.

Ngomhla we-06 kule imiyo iMakazole Mapimpi Foundatio kunye neMercedes Benz South Africa(MBSA), ibhengeze intsebenziswano ecwangcisiweyo eyakuthi iphumeze uphuhliso loluntu ngokuthi ithathe amanyathelo okuphuhlisa kwiinkalo ezahlukeneyo eziquka; ezemidlalo, imfundo, umculo kunye nophuhliso lwentlalo yoluntu eMpuma Koloni.

Isiseko iMakazole Mapimpi sizinikezele ekukhuthazeni uluntu olubandankanyayo ngokuququzelela ulutsha ukuba luthathe inxaxheba kuphuhliso lwezemidlalo, umculo kunye nenkcubeko. Ngokuzibophelela okungagungqiyo ekukhuliseni izakhono, esisiseko sinethemba sokuvusa nokukhulisa isizukulwana esiyakuphumelela nokuba sijamelene nobunzima obujani.

Ukongeza esisiseko sikwagxile kakhulu ekulweni ubudlobongela obusekelwe kwisini, ukuxhatshazwa ngokwezesondo kwakunye nazo zonke ezinye iindlela zokuphathwa gadalala komntu.

Oku kuza emveni kokuba esisiseko sifuna ukuqinisekisa intlalo ekhuselekileyo kumntu wonke.

“Kuyasivuyisa ukusebenzisana nabakwa Mercedes Benz South Africa kweliphulo lethu lokuxhobisa ulutsha nokwakha intlalo eyomeleleyo, olumanyano luzakusinika amandla ukuze siqhube utshintsho olubonakalayo kwaye sidale amathuba wesizukulwana esilandelayo,” uthethe watsho uMakazole Mapimpi.

Lemibutho yomibini inqwalile ukuba izakusebenzisana iqweba amaqhinga okwenza utshintsho ephondweni.

Ophuma kwaMBSA uAbey Kgotle uthethe wenjenje, “Sikuxabisile kakhulu ukuxhasa amaphupha neminqweno yabantu abatsha, ngalentsebenziswano yesisiseko iMakazole Mapimpi Foundation sinethemba lokubonelela ulutsha ngezixhobo ezidingekayo ukuze luphumelele”.

Ngolubambiswano yomibini lemibutho izakusebenzisa amandla izama ukuxhobisa ulutsha ukuze lufikelele kwisakhono salo esipheleleyo, kwaye banethemba lokuqhubeka besenza utshintsho kuMzantsi Afrika wonke.

Ndimphiwe Maninja& Ncebakazi Sithako

10 EyeSilimela 2024