UXHELWE WALAHLWA UMNTWANA ONEMINYAKA EMIBINI(2) KUPHELA
NYARA(BEDFORD)- Lisikizi nenyala elinganyamezelekiyo. Kwidolophu yaseNyara kwenye yeelokishi zaphaya, kuye kwafunyanwa imveku ememinyaka emibini(2) kuphela izelwe ingasaphili.
Lo mntwana oyintombaza uye wagetyengwa, waxhelwa emveni koko walahlwa esitalatweni.
Ngokomlomo nosiba lwetsha-ntliziyo elilwela amalungelo wabantwana umnumzana Petros Majola weKhula Community Development Project,
“Ndiyazisile i-Ofisi yeNkulumbuso, i-Ofisi yeSebe Lezophuhliso kunye nentlalo-ntle yoluntu phantsi koMphathiswa uBukiwe Fanta kunye noSodophu wesithili saseAmathole uCeba Anele Ntsangani, ndamazisa noSodolophu waseRaymond Mhlaba uCeba Nomonde Sango”.
Izolo umhla weshumi kulenyanga yeSilimela kulo umiyo kuye kwavela isibini(2) kwinkundla kaMantyi malunga nesisiganeko. Ngumama womntwana kunye nendoda ethile.
Bobabini baseseluvalelweni. Ingxelo ithi lo mntwana ubekwindawo yentselo kunye nonina. Kuvakala ukuba umntwana uye walahleka, wakhangelwa wafunyanwa eswelekile kwaye kubonakala ukuba uye waxhaxhwa, exhelwa okwenyamakazi.
Namhlanje umhla weshumi elinanye uPetros Majola weKhula Community Development Project uzakutyelela le ngingqi kwakunye nosapho lwalemveku.
Ukuzokuthi ga ngoku, bekungekabajwa mntu.
Akwaba umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo, uThixo amkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo.
Mzukisi Mangwane
11 EyeSilimela 2024
ReplyForwardAdd reaction |