Iindaba

BAZOKUHLUTHWA INTLAKA EMLONYENI ABASEBENZI ABANGAMAWAKA ASIXHENXE KWA MERCEDES BENZ-SA

EMONTI- Inkampani evelisa izithuthi yakwaMercedes-Benz South Africa(MBSA) igqibe kwelokuba ingene kwinkqubo yokubonisana malunga nokulungiswa ngokutsha kwemisebenzi yayo yokuvelisa, enokuchaphazela imisebenzi engamakhulu anesixhenxe(700) kumzi-mveliso wayo oseMonti.

Oku kuza emveni kokuba lenkampani ihlengahlengisa imisebenzi yayo yokuvelisa, iguquka ukusuka kwimodeli yangoku yesithathu isiya kwimodeli yesibini.

“Kwiminyaka yakutshanje ushishino lwezithuthi belikhe lajamelana nemiceli-mngeni eminintsi, ukanti nenkampani yakwaMBSA izibhaqe intyumpa-ntyumpeka,” iphefumle yatsho lenkampani kwingxelo eyityekeze ngomhla we-13 kule imiyo.

Imiceli mngeni edwelisiweyo iquka; imeko zokuphuphuma komoshakala koqoqosho olukhulu kunye nezixhumanisi ezithabatha ixesha elide.

Le nkampani ithe ingena kwinkqubo yokubonisana ngokuhambelana kunye neCandelo 189(3) lomthetho wobudlelwane nabasebenzi (LRA).

Le nxalenye yeLRA ifuna ukuba abaqeshi bachaze ngokubhaliweyo kubasebenzi okanye kwiimanyano zabo zonke iinkcukacha ezifanelekileyo kuquka nezizathu zokubuyiselwa, ezinye iindlela zokudendwa ezaziqwalaselwe, kunye nezizathu zokuba badendwe.

Ngokuxhomekeke kwisiphumo senkqubo yokubonisana, inkampani iqikelela ukuba malunga nabasebenzi abangama-700 abanokuchaphazeleka kumzi mveliso waseMonti ngenxa yokudendwa , nakwi ndlela zokubuyisela kunye nokutshintsha ukusuka kwisikhululi sesithathu ukuya kwimodeli yokusebenza isikhululi sesibini  

Sandisiwe Madolo

13 EyeSilimela 2024