IQHUTYWE NGESIDIMA NEZITHOZELA INKONZO YOKUGXWALA EMSWANENI KA-BONGI KUNJU
MQANDULI- Iqhutywe ngesidima inkonzo yokugxwala emswaneni kwikhaya likaBongi Kunju(47) ongumseki weCoffee Bay Cultural Festival(COCUFE).
Le nkonzo ibiqhutyelwa kwikhaya lakhe elikwidolophu yaseMqanduli kwilali yakuMangqobe, ngomhla we-14 kule imiyo.
Injongo yeminyhadala ebanjwa rhoqo ngonyaka kukukhupha umntu omtsha kwiziyobizi, ukuzama amathuba wemisebenzi kwakunye nokuqoqosha ukutsha luhambele kude nezinto ezonobungozi, nokuxhonkxa izimilo kubantwana abangamangombazana ngokwenza inkciyo.
Izithethi zonke khange ziphozise-masekho, zigxeke zagxibha kabukhali uMasipala waseKing Sabata Dalidyebo zimtyhola ngokuyitya ayosulele entloko imali kaBongi Kunju ebilungiselelwe ukuxhasa lo mxhamsholo womnyhadala oqhuba rhoqo ngonyaka.
Kuyothusa ukungaziboni iimvumi amaciko nabo bonke abathandi bezolonwabo abaxhamle ngamandla kwiminyhadala yalentyantyambakazi yakwaKunju.
Sincokole nomnye weemvumi zasekuhlaleni uSamkelo Ngqamza, uthethe wenjenje, “Thina sizimvumi ezisakhulayo namagcisa silahlekelwe, kuba uBongi ubeneliso elibanzi lokubona iimvumi ezisakhulayo”.
Ushiya abazali bakhe, abantwana bakhe abathathu(3), wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo, uThixo amkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo.
Mzukisi Mangwane
14 EyeSilimela 2024