KUSWELEKE UMKHWETHA E-GCUWA NGEXA YONXANO
GCUWA- Umkhwetha obekhala ngesifuba esomileyo kwakunye nonxano uyikhabile ibhekile ngomhla we-13 kule imiyo , lomkhwetha woluswe ngomhla wesinhozo eGcuwa.
Ukuswelaka kwalomkhwetha kuza emveni kokuba izityholo zisithi ebekhala ngonxano kwakunye nesifuba esomileyo, ikhankatha liye layidakanca lenyewe ekhayeni lomkhwetha ongasekhoyo laze lanikwa amarhewu ukuze limselise.
Iingxelo zidiza ukuba emveni kokuba umkhwetha esele amarhewu uye waqala ukuxhuzula, egabha kuthe kungekudala wayeka ukushukuma umzimba, wasweleka kanjalo.
Unina welityendana lingasekhoyo notya umhlala-phantsi ungqinile ukuba umntana umsile ekliniki kwaye wamsa nasemntwini ukuze umntana aqiniswe.
“Umntu oqinisa umntana ebesoloko ethe gqolo ukundwendwela umkhwetha ngexesha ebesehlathini, ukuzama umkhusela,” uthethe watsho unina.
Lomkhwetha ebesenza ibanga lesithandathu kwisikolo sambanga aphakamileyo eVulindlela, eMsobomvu.
Othethela umasipala waseMnquma uLoyiso Mpalatshane ugxininisile ukuba bengumasipala bathe gqolo ukundwendwela iindawo zolwaluko bejonga ukuba ingaba imiqathango iyalandelwa na.
16 EyeSilimela 2024