URHULUMENTE UFAKE ISIXA-MALI ESITHE KRATYA KWI R5 BHILIYONI KULUTSHA
DEBE- Ngosuku lokubhiyozela imini yolutsha 2024 nebelibanjelwe eDebe kwibala lezemidlalo kwaMoko, urhulumente wephondo leMpuma Kolini uthathe amanyathelo okuncedisa amashishini asakhasayo aqhutywa lulutsha lwephondo efaka isixa-semali phantse kuwowonke amashishini ephondo jikelele.
Ukuqweba amaqhinga okwenyusa nokuncedisa amashishini asakhasayo olutsha ephondweni, urhulumente ufake isixa-semali esithe kratya kwibhiiliyoni ezintlanu(R5 billion).
Abachaphazelekayo abaxhase urhulumente wephondo kolungenelelo, ngamaziko ancedisa ukuqeqesha abizwa ngokuba ziSector Education and Training Authorities(SETAs) kunye namashishini abucala nawo azile ngaphambili.
INkulu Baphathiswa yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthethe wenjenje, “Lamashishini asakhasayo olutsha azama ngako konke okusemandleni ekuncediseni kuqoqosho yiyo lonto siqonde ukuba masityale-nto kulutsha, kwaye bayalenza notshintsho ekuhlaleni”.
Elona ziko lidlale eyona ndima inkulu kwaye elityale eyona mali inintsi yiNational Skills Fund(NSF) nezibophelele ekufakeni isixa-semali esingapha kwe R755 million, kwiiprojekthi ezizokuphuhlisa izakhono kubantu abatsha bephondo. Abantu abatsha abazokuxhamla kule projekthi ephondweni jikelele bayi 6 350.
Amanye amacandelo azokuxhamla kwesisixa-semali iinkqubo ze ‘Work Integrated Learning’ kwinkqubo ephehlelelwe yi ofisi yeNkulu Baphathiswa abazokuxhamla bayi 3 800 kwizithili zonke zephondo, imali ehlohliweyo sisixa-semali esingange R466 million.
Inkampani iLungi Agri Pty Ltd. Ixhamle isixa-semali esingange R234 million lenkampani ikuMasipala ombaxa waseBuffalo City iphuhlisa izakhono zolimo, abazokuxhamla bayi 2 050.
Inkampani iPoffecto Consulting Developing ekuMasipala wesithi saseO.R Tambo kunye naseChris Hani ifumene isixa-semali esingange R32 million abazokuxhamla bayi-300.
Xasiwela sisiya kwakhona kuMasipala wesithili iChris Hani iMtshayane Development Trust ifumene inkxaso-mali engange R42 million ukuze iphuhliso izakhono zezolimo, abazokuxhamla bayi-200.
Ukanti inkxaso-mali engange R45 million isikelwe osomashishini abasakhasayo abayi 75 kwinkqubo yokuxhaswa Isiqalo Youth Fund.
Ukongeza urhulumente wephondo leMpuma Koloni esebenzisana neziko iMerSETA utyale isixa-semali esingange R120 million ezakuncedisa ekubhataleni ityala labafundi abafunda kwiidyunivesithi zephondo kwakunye nakwikholeji zosibhozo zasephondweni.
Ukongezaa uMabuyane ungqinile ukuba bengurhulumente izikhalo zolutsha zephondo bayaziphulaphula kwaye bazithathele ingqalelo.
Usuku lolutsha lonyaka ka2024, belibhiyozelwa eDebe kwibala lezemidlalo, eMoko.
16 EyeSilimela 2024