Iindaba

ZIZOKUFUDUKELA KWIKHAYA LAZO II-OFISI ZOMASIPALA WESITHILI

QUMRHA- Usodolophu womasipala wesithili saseAmathole ohloniphekileyo uCeba Anele Ntsangani udakance intetho yobume bomasipala ngomhla we-20 kule imiyo, uSodolophu ebeyiwisa lentetho kwiholo ledolophu laseQumrha phantsi koMasipala wasekuhlaleni iGreat Kei.

OoSodolophu bomasipala basekuhlaleni bebeyinxalenye yalentetho.

 UMasipala wesithili saseAmathole wakhiwa ngomasipala basekuhlaleni abathandathu; Mbhashe, Mnquma, Raymond Mhlaba, Amahlathi, Ngqushwa kunye nomasipala waseGreat Kei.

Intetho kaSodolophu uNtsangani ibiqwalasele kabukhali ekuhanjisweni kweenkonzo ukusukela oko uNtsangani wathatha isikhundla sokuba ngusodolophu njengentloko yezopolitiko, kulo masipala wesithili egxile kwiinkalo eziphambili zonikezelo lweenkonzo zamanzi kunye noguntyulo olusebenzayo.

Usodolophu uNtsangani ugxininise ukuba ngelixa babengeniswa njengeenkokheli ezintsha banikwa ixanduva ukuba baqwebe amaqhinga okufuduka kwezinye ze-ofisi zomasipala ezise Monti, nanjengoko babehlawula isixa-semali esingapha kwesigidi serandi ezintathu ngenyanga(R3 million).

“Ndingangqina ukuba ngokwenene ngoku ii-ofisi apho sigxumeke khona iintente sihlawula isixa-semali esingange sigidi(R1 milloion),” utshilo uSodolophu ngexesha ebesethula intetho yomasipala.

Ukongeza uNtsangani unqwalile ukuba  ngokwenene basithathile isigqibo  sokwakha ookracaza be-ofisi kunye negumbi lebhunga eQumrha, komnye womasipala wasekuhlaleni waseGreat Kei.

Oku kuza nanjengoko lomasipala esembindini waseAmathole, “Sizimisele ukufunqula imigodlo yethu sisingise komnye womasipala wethu, sizokuphuma siphele kungekudala kumasipala ombaxa waseBuffalo City,”utshilo uNtsangani.

Usodolophu uhlabele mgama ngelithi ukugrunjwa kwamaqula(bore hole drilling) kuyaqhubeka komasipala basekuhlaleni kwaye ukuxhotyiswa kwamaqula iBedford, kumasipala wasekuhlaleni iRaymond Mhlaba kuqhuba kakuhle ngomyinge ka80% kwaye xa sele egunyaziwe lamaqula azakunceda amakhaya angama-12 000.

Uqhube wathi usodolophu, “Utyalo-mali lwethu oluqhubekayo kwiziseko ezingundoqo zamanzi likwanyusa amathuba emisebenzi, impilo, kunye nokhuselo lokutya.

UMasipala wesithili saseAmathole uzibophelele ekuchitheni isixa-semali esingange R206 sezigidi serandi kunye ne-R711 yamawaka erandi kwiziseko zoncedo lwamanzi kumasipala waseMnquma.

UMasipala waseNgqushwa uzimisele ufumene isixa-semali esingange R3 500 000.00 ukuze afake kwaye alungise iziseko zamanzi kwiilali zaseNgqushwa.

UMasipala waseGreat Kei wabelwe isixa-semali esingange R387 002.00 ukuze ajamelane nogutyulo laseGxarha, ukanti idama laseChintsa labelwe isixa-semali esingange R5 484 000.000

UMasipala waseAmahlathi uxhamle isixa-semali esingange R3 276 995.00 kwinkqubo yokutshintshwa kwemibhobho yelindle eCumakala, iprojekthi yamanzi yaseZingcuka ixhamle isixa-semali esingange R100 000.00.

Inkqubo yokunikezela ngamanzi kwakunye nokuphucula iinkonzo zamanzi kwaMqoma kwisigaba sesibini leprojekthi ixhamle isixa-semali esingange R2 300 000.00 kumasipala waseRaymond Mhlaba.

UMasipla waseMbhashe uxhamle isixa-semali esingange R13 600 000.00 ukuze aqobisane nenkqubo yokunikezela amanzi yaseShixini.

USihlalo wombutho iNAFCOC kwingingqi yaseAmathole(ogxile eMnquma) uZukile Mbelani uyamkele intetho kaSodolophu kwaye usiqhwabele izandla isigqibo esithathwe ngulomasipala sokuqweba amaqhinga okufuduka eMonti.

Ibambela-ntloko le-arhente i-Aspire uLinda Simanga, unqwalile ukuba kule minyaka oko bethe gqolo ukusebenzisana nomasipala wesithili bazama ngako konke okusemandleni ekuqwebeni amaqhinga okuhambisa iinkonzo eluntwini.

Elam Zintle Tsita & Vuyolwethu Gotye 

23 EyeSilimela 2024