BATSHE BALITHUTHU ABANTWANA NO NINA
COFIMVABA- Unina(30) kunye nabantwana bakhe abathathu batshe balithuthu eCofimvaba, uyise kunye nemveku(4 months) basinde cebeshu.
Iingxelo zidiza ukuba aba baswelekileyo batshe balithuthu ngexesha bebelele ekhayeni labo.
Esisihelegu senzeke kwilali yaseMbulukweza, eCofimvaba.
UMphathiswa wesebe lezemfundo eMpuma Koloni uFundile Gade ugqithise amazwi ovelwano ngokungazenzisiyo kolusapho ligutyungelwe lilifu elimnyama.
Abantwana ababini ibingabafundi kwisikolo samabanga aphantsi iMzantsi omnye ebefunda eUpper Mbulukweza kwalapha elalini.
Kwingxelo etyekezwe lisebe lezemfundo ephondweni idandalazise ukuba ngokwenene uyise kunye nemveku basindile.
“Siphokoza amazwi ovelwano ngokungazenzisiyo kolusapho ligutyungelwe lilifu elimnyama, yanga uThixo angabafihla phantsi kwephiko lakhe,” uphefumle watsho uGade.
Ukongeza uGade ugxininisile ukuba amalungiselelo esifihlo awakagqitywa.
Othethela abakwantsasana ephondweni uKapteni Namhla Mdleleni ungqinile ukuba amapolisa ayaqhuba nophando ngesisiganeko.
Ngenyanga yeThupha kulonyaka uphelileyo kwatsha unina kunye nentombi yakhe eyayineminyaka elishumi elinesihlanu kwityotyobe labo, eGqeberha kwindawo yaseMotherwell.
25 EyeSilimela 2024